Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuxolela kunokuwacima amadangatye abangelwa yingxabano

KUMYENI NENKOSIKAZI

4: Ukuxolelana

4: Ukuxolelana

KUTHETHA NTONI?

Ukuxolela kuthetha ukuyiyeka into ekukhathazileyo, ungaqumbi. Akuthethi kuthi uyibetha ngoyaba loo nto okanye wenze ngathi khange kwenzeke nto.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye.”​—Kolose 3:13.

“Xa umthanda umntu, awuzijongi iimpazamo zakhe, ujonga le nto azama ukuba yiyo.”—Aaron.

KUTHENI KUBALULEKILE NJE?

Inzondo iyamgulisa umntu, ingenza nomonakalo emtshatweni wakho.

“Ngenye imini umyeni wam wacela uxolo ngento eyayindivise kabuhlungu kakhulu. Kwakunzima ukuba ndimxolele. Ndada ndamxolela, kodwa ndiyazisola kuba ndingazange ndimxolele ngokukhawuleza. Loo nto yabangela iingxaki emtshatweni wethu.”​—Julia.

YINTONI ONOKUYENZA?

KHAWUZIBUZE LE MIBUZO

Xa umyeni okanye inkosikazi yakho ikuvisa kabuhlungu kwakhona, zibuze:

  • ‘Ngaba ndikhathazeka msinya?’

  • ‘Ngaba inkulu kakhulu na le nto ayenzileyo kangangokuba ndifuna acele uxolo, okanye ngaba ndingayiyeka nje idlule?’

THETHA NGEZI ZINTO NOMYENI OKANYE INKOSIKAZI YAKHO

  • Siye sithathe ixesha elingakanani ngaphambi kokuba sixolelane?

  • Yintoni esingayenza ukuze sixolelane msinya?

NANGA AMACEBISO

  • Xa umyeni okanye inkosikazi yakho ikucaphukisa, sukucinga ukuba ineenjongo ezimbi.

  • Zama ukumophulela xa enze into ongayithandiyo, ukhumbule ukuba “sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.”​—Yakobi 3:2.

“Kulula ukuxolela xa nobabini niphazamile, kodwa kuba nzima xa kuphazame omnye. Ngumntu othobeke nyhani oxolayo xa umntu ecela uxolo kuye.”​—Kimberly.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: ‘Lungisa ngokukhawuleza.’​—Mateyu 5:25.

Inzondo iyamgulisa umntu, ingenza nomonakalo emtshatweni wakho