Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUNCOKOLA NOMMELWANE

Kutheni Sifundisisa IBhayibhile?

Kutheni Sifundisisa IBhayibhile?

Le yincoko ekuqhelekileyo ukuba iNgqina likaYehova libe nayo nommelwane. Masithi iNgqina elinguBrian lincokola nomfo ekuthiwa nguEric.

IBHAYIBHILE—IMBALI ECHANILEYO

UEric: Mandikuxelele ke, andikhonzi mna. Ngoko akho nto siza kuncokola ngayo.

UBrian: Ndiyabulela ngokundixelela. Oo igama lam nguBrian. Wena ke ungubani?

UEric: NdinguEric.

UBrian: Ndiyavuya ukukwazi Eric.

UEric: Nam ngokunjalo.

UBrian: Ndicela ukubuza, ngaba ukhule uhamb’ icawa?

UEric: Ewe. Kodwa ndayeka mhla ndaya ekholejini.

UBrian: Ndiyakuva. Wawufundele ntoni ekholejini?

UEric: Ezentlalo nezembali. Bendisoloko ndiyithanda imbali yabantu.

UBrian: Imbali ibangela umdla. Mhlawumbi nawe uyazi, iBhayibhile yincwadi yembali. Ngaba wakha waphanda ngayo?

UEric: Hayi zange. Ndiyazi yincwadi eluncedo, kodwa zange khe ndacinga ukuba yincwadi yembali.

UBrian: Ubonakala ungumntu okuthandayo ukumamela izimvo zabanye. Ukuba ungandipha nje ixesha elincinci, ndingathanda ukukubonisa imizekelo embalwa yembali yeBhayibhile echanileyo.

UEric: Kulungile. Kodwa andinayo iBhayibhile.

UBrian: Akho ngxaki. Ndingakubonisa kweyam. Umzekelo wokuqala nanku kweyoku-1 yeziKronike isahluko 29, ivesi 26 neka-27. Ezi vesi zithi: “Ke yena uDavide unyana kaYese, walawula phezu koSirayeli wonke; imihla awalawula ngayo kwaSirayeli yaba yiminyaka engamashumi amane. EHebron walawula iminyaka esixhenxe, kwaye eYerusalem walawula iminyaka engamashumi amathathu anesithathu.”

UEric: Utsho njani ukuba lo ngumzekelo wembali echanileyo?

UBrian: Abagxeki bakha bathi zange kubekho mntu unguKumkani uDavide.

UEric: Nyhani? Kwakutheni ukuze batsho?

UBrian: Kwakungekho bungqina bungako bokuba wakha waphila ngaphandle kwaseBhayibhileni. Sekunjalo, ngo-1993 iqela labembi bezinto zakudala lafumana ilitye lakudala elinegama eliguqulelwe ngokuthi “Indlu KaDavide.”

UEric: Ibangel’ umdla ke le nto.

UBrian: Omnye umntu ekuthethwa ngaye eBhayibhileni obabuthandatyuzwa ubukho bakhe nguPontiyo Pilato, irhuluneli eyayilawula ngemihla kaYesu. Kuthethwa ngaye kuLuka isahluko 3 ivesi ngu-1—kunye namanye amagosa aseburhulumenteni elo xesha.

UEric: Ndiyakuva. Ithi apha ‘xa uPontiyo Pilato wayeyirhuluneli yelakwaYuda, uHerode wayengumlawuli wesithili saseGalili.’

UBrian: Kunjalo. Kangangeminyaka, abanye abaphengululi babengaqinisekanga ukuba uPontiyo Pilato wayekhe wakhona. Malunga neminyaka eyi-50 eyadlulayo kwafunyanwa ilitye elalibhalwe igama lakhe kuMbindi Mpuma.

UEric: Yho. Ndiyaqala ukuziva ezi zinto.

UBrian: Ndiyakuvuyela ukuncokola nawe ngazo.

UEric: Xa sithetha inyani, bendisoloko ndiyihlonipha iBhayibhile njengencwadi nje eyabhalwayo, kodwa ayizange ikhe ithi qatha engqondweni yam into yokuba ibalulekile kumhla wethu. Ewe kona kusenokwenzeka ukuba imbali yayo ichanile, kodwa andiqondi ukuba ibaluleke kangako.

IBHAYIBHILE—INCWADI ENDALA KODWA ESEXESHENI

UBrian: Abantu abaninzi bayavumelana noko. Kodwa mna ndibona ngenye indlela. Nas’ isizathu: Izinto ezazidingwa ngabantu ekuqaleni ziyafana nezo bazidinga ngoku. Ngokomzekelo, besisoloko sikudinga ukutya, impahla, nendawo yokufihla intloko. Kwakude kudala abantu babekuthanda ukuncokola nabanye, nokuba nentsapho eyonwabileyo. Ayizozinto esizikhathalele sonke ezo?

UEric: Ewe zizo.

UBrian: IBhayibhile ingasinceda kuzo zonke ezo zinto. Yincwadi esinokuthi indala kodwa isexesheni.

UEric: Uthetha ukuthini?

UBrian: Makhe ndiyibeke ngale ndlela: IBhayibhile inemigaqo eyayibalulekile ngexesha lokubhalwa kwayo yaye isenjalo nangoku.

IBhayibhile inemigaqo eyayibalulekile ngexesha lokubhalwa kwayo kwiinkulungwane ezadlulayo, yaye isenjalo nangoku

UEric: Hay’ bo. Yiyiphi loo migaqo?

UBrian: IBhayibhile ingasikhokela kwizinto ezifana nokuyisebenzisa kakuhle imali, ubomi bentsapho eyonwabileyo nokuba ngumhlobo wokwenene. Isifundisa indlela yokuphumelela ebomini. Ngokomzekelo, ngaba awuvumelani nam xa ndisithi, ukuba yindoda nentloko yentsapho kule mihla kunzima?

UEric: Yheyi, unyanisile ke apho. Ndisenonyaka nje nditshatile, kodwa mna nomkam asisoloko sibona ngasonye kwinto yonke.

UBrian: Uyabona ke. Kodwa iBhayibhile inemigaqo ekulula ukuyisebenzisa. Ngokomzekelo, makhe sifunde amaEfese 5:22, 23 no-28. Ndicela usifundele ezo vesi.

UEric: Kulungile. Ithi: “Abafazi mabathobele amadoda abo njengakuyo iNkosi, ngenxa yokuba indoda iyintloko yomfazi wayo njengokuba noKristu eyintloko yebandla, njengoko yena engumsindisi walo mzimba.” Yen’ uvesi-28 athi: “Ngale ndlela amadoda afanele abathande abafazi bawo njengemizimba yawo. Lowo umthandayo umfazi wakhe uyazithanda.”

UBrian: Enkosi. Xa amaqabane enokulisebenzisa eli cebiso lilula, intsapho ingonwaba, akunjalo?

UEric: Ewe, ndicinga njalo. Kodwa ukuthetha akufani nokwenza.

UBrian: Inyaniso kukuba akho mntu ungoniyo. Phofu, kwakwesi sahluko seBhayibhile kukho ivesi esikhuthaza ukuba sibe nengqiqo. * Mntu ngamnye emtshatweni kufuneka akulungele ukuba bhetyebhetye. Mna nenkosikazi yam sifumanise ukuba yiBhayibhile enokusinceda sikwazi ukwenjenjalo.

UEric: Iyavakala.

UBrian: AmaNgqina kaYehova aneWebhsayithi enenkcazelo yomtshato nobomi bentsapho enokukunceda. Ukuba unalo ixesha, ndingakubonisa yona.

UEric: Khawundibonise. Ndinalo ithutyana.

UBrian: Kulungile. Ndicela ucofe ku-www.mt711.com/xh. Nali iphepha lokuqala.

UEric: Ndiyayithanda le mifanekiso.

UBrian: Leyo yimifanekiso yomsebenzi wokushumayela esiwenza ehlabathini lonke. Heke, nantsi le ndawo siyifunayo. Masijonge indawo ethi “Uncedo Kwizibini Ezitshatileyo Nabazali.” Kulo mxholo, maninzi amanqaku amafutshane athetha ngezinto ezahlukahlukeneyo. Liliphi onomdla kulo?

UEric: Nali, “Ukucombulula Iingxaki Emtshatweni Wakho.” Ndicinga ukuba lingandinceda!

UBrian: Eli nqaku lithetha ngezinto ezine onokuzenza ukuze ucombulule iingxaki. Ndicel’ ufunde esi siqendu Eric.

UEric: Kulungile. Sithi: “Ukuba unxibelelwano ngundoqo emtshatweni, uthando nentlonelo zinokufaniswa nentliziyo nemiphunga kulwalamano lomtshato.” Tyhini, ndiyayithanda indlela abayichaza ngayo.

UBrian: Enkosi ngokufunda. Kukho ivesi elapha. Ungayivula ngokucofa apha.

UEric: Oo la maEfese 5:33. Athi: “Ngamnye wenu makamthande umfazi wakhe njengoko ezithanda; ke yena umfazi, makabe nentlonelo enzulu ngendoda yakhe.”

UBrian: Uqaphele ukuba kugxininiswa ukuba umntu makenze loo nto alindele ukuyenzelwa naye?

UEric: Andikuva kakuhle ukuba uthini.

UBrian: Andithi indoda ifuna ukuhlonitshwa ngumfazi wayo, ibe nomfazi ufuna ukuqinisekiswa ngumyeni wakhe ukuba uyamthanda?

UEric: Ewe. Yinyani leyo.

UBrian: Ukuba indoda izama ngandlela zonke ukumbonisa ukuba iyamthanda umfazi wayo, akungebi lula ke ngomfazi ukuyihlonela?

UEric: Ingathi yinyani le uyithethayo.

UBrian: Uyabona ke, le vesi yeBhayibhile, nakuba yabhalwa phantse kwiminyaka eyi-2 000 eyadlulayo, inikela amacebiso anokuwanceda omabini amaqabane omtshato. Ibe ukuba anokuwasebenzisa, umtshato wawo ungaphumelela, kanye njengokuba uye watsho la mzekelo besikhe sawufunda, ‘intliziyo nemiphunga’ yomtshato iya kuhlala isempilweni.

UEric: Ndiyavuma ukuba iBhayibhile inokuninzi kunokuba bendicinga.

UBrian: Ndiyavuya ukuva loo nto Eric. Ndingathanda ukuphinda ndibuye ukuze ndive imbono yakho ngalo mxholwana “Amanyathelo Amane Okulungisa Iingxaki” nawo ovelayo kweli nqaku likwiWebhsayithi yethu. *

UEric: Kulungile. Mna nomfazi wam siza kukhe siyijonge.

Ngaba unombuzo weBhayibhile obusoloko uzibuza wona? Ngaba ukhe uzibuze ngeenkolelo zamaNgqina kaYehova? Ukuba kunjalo kungakunceda ukuthetha neNgqina likaYehova. Liya kukuvuyela ukuphendula imibuzo yakho.

^ isiqe. 63 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 14 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.