Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Ngaba uya kuze abekho urhulumente wehlabathi lonke?

Urhulumente wehlabathi angabamanyanisa njani abantu bazo zonke iintlanga? Isaya 32:1, 17; 54:13

Cinga nje ngendlela urhulumente wehlabathi anokubanceda ngayo abantu. Namhlanje abantu abaninzi bayahlupheka, ngoxa abanye bezizityebi ezingawothiyo umlilo. Kodwa urhulumente onovelwano ebeya kuqinisekisa ukuba abantu banayo yonke into abayidingayo. Ucinga ukuba abantu bangaze balawule ngolo hlobo?—Funda uYeremiya 10:23.

Ukutyhubela imbali, oorhulumente baye bohluleka ngeendlela ezininzi ukunyamekela abantu, ingakumbi amahlwempu. Abanye oorhulumente bakhohlakele. (INtshumayeli 4:1; 8:9) Kodwa uThixo uSomandla uthembisa ukuzisa urhulumente oza kungena endaweni yabo bonke abanye. UMlawuli waloo rhulumente uza kubanyamekela abantu.—Funda uIsaya 11:4; uDaniyeli 2:44.

Buza kwenza ntoni uBukumkani bukaThixo?

UYehova uThixo ukhethe uMlawuli wehlabathi ofanelekileyo—uNyana wakhe, uYesu. (Luka 1:31-33) Xa wayesemhlabeni, uYesu wayekuthanda ukunceda abantu. Ngoku unguKumkani, ibe uza kumanyanisa abantu bazo zonke iintlanga aze aphelise ukubandezeleka.—Funda iNdumiso 72:8, 12-14.

Ngaba bonke abantu baza kumamkela njengoMlawuli uYesu? Hayi. Kodwa uYehova unomonde. (2 Petros 3:9) Unika abantu ithuba lokwamkela ukuba uYesu nguMlawuli. Kungekudala, uYesu uza kubatshabalalisa abantu ababi aze azise uxolo nonqabiseko emhlabeni wonke.—Funda uMika 4:3, 4.