Yiya kwinkcazelo

Kutheni AmaNgqina KaYehova Engazibhiyozeli Izinto Zelizwe?

Kutheni AmaNgqina KaYehova Engazibhiyozeli Izinto Zelizwe?

 AmaNgqina kaYehova ayabahlonipha oorhulumente nezinto zelizwe. Siyayiqonda into yokuba abanye bangenza isifungo sokunyaniseka elizweni labo, bakhahlele iflegi, okanye bacule umhobe wesizwe.

 Kodwa amaNgqina kaYehova akhetha ukungazibhiyozeli ezi zinto, kuba akholelwa ukuba azivumelani neemfundiso zeBhayibhile. Siyavuya xa abanye besihlonipha njengokuba nathi sizihlonipha ezabo izigqibo.

Kweli nqaku

 Yeyiphi imigaqo yeBhayibhile elandelwayo?

 Ngaphambi kokuba senze ukhetho, sijonga le migaqo mibini yeBhayibhile:

  •   NguThixo kuphela esimele simkhonze. IBhayibhile ithi: “Umele ukhonze uYehova uThixo wakho kuphela, ukhonze yena yedwa.” (Luka 4:8) Izifungo zelizwe kunye nomhobe welizwe zisoloko zinamazwi athembisa ukuthanda ilizwe ngaphezu kwento yonke. AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba kurongo ukubhiyozela izinto ezinjalo.

     Ngokufanayo, amaNgqina kaYehova akholelwa ukuba ukukhahlela iflegi kufana nesenzo sokukhonza izithixo, nto leyo ingakhuthazwayo yiBhayibhile. (1 Korinte 10:14) Abanye abaphandi bayavuma ukuba iiflegi zizinto ezimela unqulo. Umphandi uCarlton J. H. Hayes uthi: “Abantu babonisa ukuthanda ilizwe labo ngokuba banqule iflegi.” a Xa wayethetha ngamaKristu okuqala, umbhali uDaniel P. Mannix uthi: “AmaKristu akazange avume ukubingelela kwizinyanya zomlawuli waseRoma—nto leyo namhlanje esinokuyifanisa nokukhahlela iflegi.” b

    Nangona kunjalo amaNgqina kaYehova awayikhahleli iflegi, awayimoshi, awayitshisi, okanye abonise ukungayihloniphi yona nezinto zelizwe.

  •   KuThixo bonke abantu bayafana. (IZenzo 10:34, 35) IBhayibhile ithi, “zonke iintlanga wazenza ezikhupha emntwini omnye.” (IZenzo 17:26) Ngenxa yesi sizathu, amaNgqina kaYehova akholelwa ukuba kurongo ukuzukisa iqela okanye uhlanga oluthile kunolunye. Sibahlonipha bonke abantu enoba basuka phi okanye bahlala phi.—1 Petros 2:17.

 Siza kuthini ukuba kukho umthetho othi masizenze ezi zinto?

 AmaNgqina kaYehova awamcaphukeli urhulumente. Sikholelwa ukuba oorhulumente bayalawula kuba ‘beyindlela kaThixo yokwenza izinto’ ayivumeleyo. (Roma 13:1-7) Sikholelwa nokuba amaKristu amele athobele abasemagunyeni.—Luka 20:25.

 AmaKristu athini ke xa umthetho karhulumente uyalela ukuba enze izinto angazifuniyo uThixo? Ngamanye amaxesha ayakwazi ukuthumela isicelo kurhulumente ukuba atshintshe umthetho othile. c Xa lo mthetho ungakwazi ukutshintsha, amaNgqina kaYehova aye akhethe ‘ukuthobela uThixo umlawuli kunabantu’ ibe loo nto ayenza ngembeko.—IZenzo 5:29.

 Ngaba amaNgqina kaYehova awathathi cala kwizinto zasekuhlaleni okanye kwezepolitiki?

 Hayi. AmaNgqina kaYehova awathathi cala kwizinto zepolitiki nezasekuhlaleni. Xa singavumi ukwenza isifungo sokunyaniseka elizweni, singayikhahleli iflegi, okanye singawuculi umhobe wesizwe, loo nto ayinanto yakwenza nezepolitiki. Kodwa loo nto siyenza ngenxa yezinto esizikholelwayo ezithethwa yiBhayibhile.

a IEssays on Nationalism, iphepha 107-108.

b IThe Way of the Gladiator, iphepha 212.