Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Akholelwa Ukuba Icawa Yawo Yeyona Ichanileyo?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Akholelwa Ukuba Icawa Yawo Yeyona Ichanileyo?

Abantu abazimiseleyo kunqulo lwabo bafanele bakholelwe ukuba icawa yabo yeyona yamkelekileyo kuThixo nakuYesu. Ukuba bekungenjalo, besiya kuba yintoni isizathu sokuqhubeka bekhonza kwezo cawa?

UYesu Kristu akazange ayivume into eyayicingwa ngabantu abaninzi yokuba kukho iicawa neendlela ezininzi ezichanileyo, kwaye zonke zikhokelela elusindisweni. Kunoko, wathi: “Limxinwa isango kwaye imxinwa indlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.” (Mateyu 7:14) AmaNgqina KaYehova akholelwa ukuba ayifumene loo ndlela. Ukuba bekungenjalo, ebeza kukhangela olunye unqulo.