Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Marko 1:15​—“UBukumkani bukaThixo busondele”

Marko 1:15​—“UBukumkani bukaThixo busondele”

 “Lifikile ixesha ebelibekiwe, ibe uBukumkani bukaThixo busondele. Guqukani nizikholelwe iindaba ezilungileyo zikaThixo.”​—Marko 1:15, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.”​—Marko 1:15, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

Oko kuthethwa nguMarko 1:15

 UYesu Kristu wathi uBukumkani bukaThixo a “busondele” ngenxa yokuba njengoKumkani oza kulawula obo Bukumkani wayephakathi kwabo.

 UYesu wayengathethi kuthi uBukumkani babusele buqalile ukulawula. Kamva wathi kubafundi bakhe uBukumkani babuza kuza kwixesha elizayo. (IZenzo 1:6, 7) Sekunjalo, wafika ngexesha elalichazwe kwangaphambili eBhayibhileni ukuba uza kufika ngalo njengoKumkani. b Ngenxa yoko uYesu wayenokuthi ixesha ebelibekiwe lifikile, oko kukuthi ixesha lokuba aqalise ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.​—Luka 4:16-21, 43.

 Iindaba ezilungileyo zazinokubanceda abantu xa beguquka. Ngamanye amazwi kwakufuneka bazisole ngezono abazenzileyo, baze baphile ngemilinganiselo kaThixo. Abo baguqukayo, babonisa ukuba banokholo kwiindaba ezilungileyo ezingoBukumkani obuza kulawula kwixesha elizayo.

Umongo kaMarko 1:15

 UYesu wawathetha la mazwi xa wayeqalisa ukushumayela eGalili. Kwingxelo ekuMateyu 4:17 efana nale kuthiwa “Ukususela ngelo xesha ukuya phambili,” uYesu wayeshumayela iindaba ezingoBukumkani bukaThixo. Wayesoloko ethetha ngoBukumkani kangangokuba kwiincwadi ezine zeVangeli c, uBukumkani kuthethwa ngabo kayi-100 ibe amaxesha amaninzi nguYesu othetha ngabo. Kuyo yonke iBhayibhile owona mxholo uYesu wayethetha ngawo buBukumkani bukaThixo.

Funda uMarko isahluko 1 kunye nemibhalo esemazantsi kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

a UBukumkani bukaThixo ngurhulumente osezulwini oza kwenza intando yakhe. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:10) Ukuze ufumane ingcaciso engakumbi funda inqaku elithi: “Buyintoni UBukumkani BukaThixo?

b Ukuze uYesu abe nguMesiya oko kukuthi ummeli okhethekileyo kaThixo, kwakufuneka abe nguKumkani. Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngexesha iBhayibhile ethi uza kufika ngalo uMesiya, funda inqaku elithi: “Indlela IsiProfeto SikaDaniyeli Esikuchaza Ngayo Ukufika KukaMesiya.”

c Iincwadi zeVangeli ziincwadi ezine zokuqala kwiTestamente Entsha ibe zithetha ngobomi kunye nomsebenzi wokushumayela kaYesu.