Yiya kwinkcazelo

Siza Kufika Nini Isiphelo Sehlabathi?

Siza Kufika Nini Isiphelo Sehlabathi?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ukuze sazi ukuba siza kufika nini isiphelo sehlabathi, kufuneka siqonde indlela iBhayibhile elisebenzisa ngayo igama elithi ihlabathi. Igama lesiGrike elithi koʹsmos elidla ngokuguqulelwa ngokuthi ihlabathi, lidla ngokubhekisela kubantu, ingakumbi abantu abangahambisaniyo nokuthanda kukaThixo. (Yohane 15:18, 19; 2 Petros 2:5) Ngamanye amaxesha, igama elithi, koʹsmos libhekisela kubantu abangakwenziyo ukuthanda kukaThixo.—1 Korinte 7:31; 1 Yohane 2:15, 16. a

Siyintoni isiphelo sehlabathi?

Ibinzana elithi isiphelo sehlabathi, elivelayo kwiiBhayibhile ezininzi, linokuguqulelwa ngokuthi ‘ukupheliswa kwenkqubo yezinto’ okanye ‘ukupheliswa kweli phakade.’ (Mateyu 24:3; IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Alibhekiseli ekutshatyalalisweni komhlaba okanye abantu, kukupheliswa koorhulumente bomhlaba nabantu abangakwenziyo ukuthanda kukaThixo.—1 Yohane 2:17.

IBhayibhile ifundisa ukuba “abenzi bobubi baya kunqunyulwa” baze abantu abalungileyo banandiphe ubomi emhlabeni. (INdumiso 37:9-11) Le ntlekele iza kwenzeka ‘ngembandezelo enkulu,’ eza kuphela ngemfazwe yeArmagedon.—Mateyu 24:21, 22; ISityhilelo 16:14, 16.

Siza kufika nini isiphelo sehlabathi?

UYesu wathi: “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi neengelosi zamazulu engazi noNyana, kodwa nguBawo kuphela.” (Mateyu 24:36, 42) Wongeza wathi ixesha lesiphelo liza kufika ngequbuliso, “ngelixa eningacinganga ukuba lilo.”—Mateyu 24:44.

Nangona singawazi umhla nelixa, uYesu wasinika umqondiso okanye iziganeko eziza kuchaza ubukho besiphelo sehlabathi. (Mateyu 24:3, 7-14) Xa ibhekisela kweli xesha, iBhayibhile ithi “lixesha lesiphelo,” ‘ixesha lokuphela,’ “imihla yokugqibela.”—Daniel 12:4; IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1975; 2 Timoti 3:1-5.

Ngaba ikho into eza kusala emva kwesiphelo sehlabathi?

Ewe. Umhlaba uza kube usekho, kuba iBhayibhile ithi “awuyi kushukunyiswa ukusa kwixesha elingenammiselo, okanye nangonaphakade.” (INdumiso 104:5) Wona ke umhlaba uza kuzaliswa ngabantu, kuba iBhayibhile ithembisa oku: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) UThixo uza kwenza kubekho iimeko awayefuna zibekho kwangaphambili:

a Igama lesiGrike elithi ai·onʹ kwezinye iiBhayibhile likwaguqulelwa ngokuthi ihlabathi. Xa liguqulelwe ngale ndlela, igama elithi ai·onʹ lithetha into enye nelithi koʹsmos kuba abhekisela kubantu abangakwenziyo ukuthanda kukaThixo.