Yiya kwinkcazelo

Ngaba Zikho Izono Ezisixhenxe Ezisingisa Ekufeni?

Ngaba Zikho Izono Ezisixhenxe Ezisingisa Ekufeni?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile ayichazi ngokungqalileyo ukuba kukho izono ezisixhenxe ezisingisa ekufeni. Noko ke, ifundisa ukuba xa umntu esenza izono ezinzulu akayi kusindiswa. Ngokomzekelo, xa ithetha ngezono ezinzulu iBhayibhile ichaza ukuhenyuza, unqulo-zithixo, ukusebenzelana nemimoya, ukugqajukelwa yimisindo nobunxila ‘njengemisebenzi yenyama.’ Emva koko iphinda ithi: “Abo baqhelisela izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo.”​—Galati 5:19-21. a

Ngaba iBhayibhile iyathetha ngezinto ezisixhenxe ezicekisekayo kuThixo?

Ewe, iyathetha. KwiMizekeliso 6:16 iBhayibhile ithi: “Kukho izinto ezintandathu uYehova azithiyileyo; ewe, zisixhenxe izinto ezicekisekayo emphefumlweni wakhe.” Noko ke, ezo zichazwe kwiMizekeliso 6:17-19 azibalwanga kwezi. Endaweni yoko, ichaza izinto ezimela lonke uhlobo lwesono, kuquka ukona ngokucinga, ngamazwi nangezenzo. b

Lithetha ukuthini ibinzana elithi “isono esisingisa ekufeni”?

Ezinye iinguqulelo zisebenzisa le ndlela kweyoku-1 kuYohane 5:16. Ngokomzekelo, iThe New American Bible ithi: “Sikho isono esisingisa ekufeni.” Ibinzana elithi “isono esisingisa ekufeni” lisenokuguqulelwa ngokuthi “isono esibangela ukufa.” Yintoni umahluko phakathi “kwesono esisingisa ekufeni nesono esingasingisi kufeni”?​—1 Yohane 5:16

IBhayibhile yenza kucace ukuba zonke izono zikhokelela ekufeni. Noko ke, sinokusindiswa kwisono nokufa ngedini lentlawulelo likaYesu Kristu. (Roma 5:12; 6:23) Ngoko, “isono esisingisa ekufeni” seso singahlawulelwanga nguKristu. Umntu owenza esi sono uzinikele kuso kangangokuba akanakuze aguquke. IBhayibhile ithi esi sono ‘asiyi kuxolelwa.’​—Mateyu 12:31; Luka 12:10.

a Xa ichaza imizekelo yezono ezinzulu kweyabaseGalati 5:19-21 iBhayibhile ayipheleli nje kuyo kuba iphinda yongeze ngokuthi ‘nezinto ezinjalo.’ Ngoko umntu ofundayo kufuneka asebenzise ukuqonda ukuze azazi izinto ezingachazwanga kodwa ezifana ‘nezinto ezinjalo.’

b IMizekeliso 6:16 inemizekelo yamaqhalo esiHebhere aphuhlisa inani lesibini ngokulahlula kwelo lokuqala. Eli qhalo livela kaninzi kwiZibhalo.​—Yobhi 5:19; IMizekeliso 30:15, 18, 21.