KwabaseRoma 12:1-21

  • Nikelani ngemizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo (1, 2)

  • Iziphiwo ezahluka-hlukeneyo kodwa umzimba mnye (3-8)

  • Amacebiso okuphila njengomKristu (9-21)

12  Ngoko ke, ngenxa yokuba uThixo enenceba, ndiyanicela bazalwana ukuba ninikele ngemizimba yenu+ ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele+ naza kuyamkela uThixo. Ngaloo ndlela niza kuba nikhonza uThixo nisebenzisa ingqondo.+  Yekani ukulinganisa izinto zeli hlabathi, kodwa guqukani ngokutshintsha indlela enicinga ngayo,+ ukuze nizibonele ngokwenu+ ukuthanda kukaThixo afuna sikwenze, okulungileyo, okwamkelekileyo kuye nokugqibeleleyo.  Ngenxa yobubele uThixo* andenzele bona, ndithi kuni ngamnye wenu makangazicingeli kakhulu,+ kodwa makacinge ngendlela ebonisa ukuba uyisebenzisa kakuhle ingqondo, kuba nguThixo oncede ngamnye wenu wanokholo.+  Ekubeni umzimba omnye unamalungu amaninzi,+ kodwa abe engenzi msebenzi ufanayo,  nathi ke, nangona sibaninzi, singumzimba omnye omanyene noKristu, kodwa lungu ngalinye lixhomekeke kwelinye.+  Ngobubele bakhe,*+ uThixo akasinikanga iziphiwo ezifanayo, ngoko ukuba umntu unesiphiwo sokuprofeta, makaprofete ngokokholo lwakhe;  onesiphiwo sokunceda abanye, makabancede; onesiphiwo sokufundisa, makafundise;+  onesiphiwo sokukhuthaza* abanye, makabakhuthaze;+ onesiphiwo sokwaba, makayenze loo nto engavimbi;+ onesiphiwo sokukhokela, makayikhuthalele loo nto;+ onesiphiwo sokuba nenceba, makayenze loo nto ngentliziyo yakhe yonke.+  Thandanani ngokusuka entliziyweni.*+ Kwenyanyeni ukwenza izinto ezimbi,+ nizimisele ukwenza izinto ezilungileyo. 10  Thandanani ngendlela abathandana ngayo abantu abazalwa kunye. Mntu ngamnye makabe ngowokuqala ukuhlonipha omnye.+ 11  Khuthalani, ningabi ngamavila.+ Wuvumeleni umoya oyingcwele unenze nitshiseke.+ Yibani ngamakhoboka kaYehova.*+ 12  Vuyani ngenxa yokuba ninethemba. Nyamezelani xa nisebunzimeni.+ Hlalani nithandaza.+ 13  Bancedeni ngezinto abazidingayo abo bangcwele.+ Hlalani nibenzela ububele abanye abantu.+ 14  Qhubekani nimcela uThixo abasikelele abo banitshutshisayo;+ sikelelani, ningaqalekisi.+ 15  Vuyani nabantu abavuyayo, nize nilile nabantu abalilayo. 16  Bajongeni ngendlela enizijonga ngayo abanye abantu, sanukuleqa izinto eziphezulu, kodwa thandani izinto eziphantsi.+ Sanukuzibona nizizilumko.+ 17  Sanukuphindisa ububi ngobubi nakubani na.+ Yenzani izinto ezintle emehlweni abantu bonke. 18  Zamani kangangoko ninako ukuba seluxolweni nabantu bonke.+ 19  Sanukuziphindezela, bazalwana bam, kodwa yekani ibe nguThixo oba nomsindo,+ kuba kubhaliwe kwathiwa: Uthi uYehova,* “Ndim ophindisayo, ndim obuyekezayo.”+ 20  Kodwa “ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya; ukuba lunxaniwe, lunike into yokusela; kuba xa usenza loo nto uya kuba ufumba amalahle avuthayo phezu kwentloko yalo.”*+ 21  Sukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokwenza izinto ezilungileyo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “yobubele obungasifanelanga.”
Okanye “Ngobubele bakhe obungasifanelanga.”
Okanye “sokulumkisa.”
Ngokoqobo, “Uthando lwenu malungabi naluhanahaniso.”
Oko kukuthi, ukuze ulwenze luthambe.