KwabaseRoma 15:1-33

  • Yamkelanani njengoKristu (1-13)

  • UPawulos unceda abantu beentlanga (14-21)

  • Iindawo aceba ukuya kuzo uPawulos (22-33)

15  Kodwa thina bomeleleyo elukholweni sifanele sibuthwale ubuthathaka babo bangomelelanga elukholweni,+ singanelisi iziqu zethu.+  Ngamnye wethu makenze into eza kunceda ummelwane wakhe, ize imakhe.+  Kuba noKristu akazange azikholise,+ kodwa kunjengokuba kubhalwe kwathiwa ngaye: “Abo bakugxekayo bayandigxeka nam.”+  Kuba zonke izinto ezabhalwa kwixesha eladlulayo zabhalwa ukuze kufundiswe thina,+ ukuze ukunyamezela kwethu+ nokuthuthuzelwa ziZibhalo kusincede sibe nethemba.+  Kwanga uThixo osinceda sinyamezele nosithuthuzelayo anganenza nonke nicinge ngendlela efanayo nekaKristu Yesu,  ukuze nimzukise ngazwi-nye uThixo onguTata weNkosi yethu uYesu Kristu nimanyene.+  Ngoko yamkelanani,+ kanye njengokuba uKristu wanamkelayo nani,+ ukuze kuzukiswe uThixo.  Kuba ndithi kuni uKristu waba luncedo kwabo bolukileyo+ ukuze angqine ukuba uThixo unenyani, aze abaqinisekise ukuba ziza kwenzeka izinto uThixo awazithembisa ookhokho babo,+  nokuze iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yokuba enenceba.+ Kunjengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Yiloo nto ndiza kukuzukisa phakathi kweentlanga, ndize ndilidumise ngengoma igama lakho.”+ 10  Kuphinda kuthiwe: “Vuyani zintlanga nabantu bakhe.”+ 11  Kuphinda kuthiwe: “Dumisani uYehova, nonke nina zintlanga, yaye zonke izizwana mazimdumise.”+ 12  Yena uIsaya uthi: “Kuza kuvela ingcambu kaYese+ eza kulawula iintlanga;+ iintlanga ziza kuthembela kuyo.”+ 13  Kwanga uThixo onika ithemba anganinika uvuyo noxolo oluninzi, kuba nithembela kuye, ukuze ithemba eninalo liqiniswe kakhulu ngamandla omoya oyingcwele.+ 14  Ndiqinisekile bazalwana bam ukuba nisoloko nisenza izinto ezilungileyo, ninolwazi olwaneleyo, yaye niyakwazi ukucebisana.* 15  Kodwa ke, ndiye ndanibhalela ngokuphandle ngezinye izinto ukuze ndiphinde ndinikhumbuze, ngenxa yokuba uThixo undenzele ububele* 16  bokuba ndisebenzele uKristu Yesu ukuze ndincede abantu beentlanga.+ Ndenza umsebenzi ongcwele wokushumayela iindaba ezilungileyo zikaThixo,+ ukuze ezi ntlanga zibe ngumnikelo owamkelekileyo, zenziwe ngcwele ngumoya oyingcwele. 17  Ngoko kuyandivuyisa ukuba ngumlandeli kaKristu Yesu nokwenza umsebenzi kaThixo. 18  Kuba ayikho enye into endiza kuthetha ngayo ngaphandle kwezinto uKristu awazenzayo esebenzisa mna ukuze iintlanga zithobele. Le nto uyenze esebenzisa izinto endizithethayo nendizenzayo, 19  amandla emimangaliso nezinto ezinkulu,+ namandla omoya kaThixo, ukuze ndizishumayele ngokucokisekileyo iindaba ezilungileyo ezingoKristu, ukususela eYerusalem, ndijikeleze ndiyokutsho eIliriko.+ 20  Ndiye ndaqiniseka ukuba andizishumayeli iindaba ezilungileyo kwiindawo ekusele kushunyayelwe kuzo ngegama likaKristu, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye umntu; 21  kodwa njengokuba kubhaliwe: “Abo bangafumananga ngxelo ngaye baza kubona, nabo bangevanga baza kuqonda.”+ 22  Yiloo nto ndiye ndazama kaninzi ukuza kuni kodwa andakwazi. 23  Kodwa ngoku akukho ndawo ndingekafiki kuyo kwezi ngingqi, yaye sekuyiminyaka ndifuna ukuza kuni. 24  Ngoko ndiyathemba ukuba xa ndisiya eSpeyin, ndiza kuchitha ixesha kunye nani, emva koko nindikhaphe nize nijike endleleni. 25  Kodwa ngoku sele ndiza kuya eYerusalem, ndiyokunceda abazalwana.*+ 26  Kuba abo baseMakedoni naseAkhaya baye bakuvuyela ukunikisa ngezinto zabo kubazalwana* abangamahlwempu eYerusalem.+ 27  Nyhani, baye bavuyiswa kukwenza loo nto, enyanisweni bebenetyala kubo; kuba ukuba iintlanga ziye zafumana izinto zabazalwana baseYerusalem ezivela kuThixo, nazo zimele zibancede ngezinto abazidingayo.+ 28  Ngoko ke emva kokuba ndidlulise lo mnikelo kubo, ndiza kudlula kuni xa ndisiya eSpeyin. 29  Ndiyazi nokuba, xa ndisiza kuni, ndiza kuniphathela iintsikelelo ezininzi ezivela kuKristu. 30  Ngoku ke bazalwana, ngenxa yokholo eninalo ­kwiNkosi yethu uYesu Kristu nothando enincedwa ngumoya oyingcwele ukuba nibe nalo, ndiyanicela ukuba nindincedise ekuthandazeni kuThixo, simcenga+ 31  ukuba ndisindiswe+ kubantu abangakholwayo kwelakwaYuda, nokuba abazalwana* baseYerusalem bawamkele umnikelo endibaphathele wona,+ 32  ukuze ukuba kukuthanda kukaThixo, ndifike kuni ndivuya size sikhuthazane. 33  Kwanga uThixo onika uxolo angaba nani nonke.+ Amen.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ukufundisana.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Ngokoqobo, “abo bangcwele.”
Ngokoqobo, “kwabo bangcwele.”
Ngokoqobo, “abo bangcwele.”