KwabaseRoma 8:1-39

  • Umoya oyingcwele usinika ubomi nenkululeko (1-11)

  • Umoya oyingcwele usenza siqiniseke (12-17)

  • Indalo ilinde inkululeko yabantwana bakaThixo (18-25)

  • ‘Sicelelwa ngumoya oyingcwele’ (26, 27)

  • UThixo wabakhetha kwasekuqaleni (28-30)

  • Soyisa ngenxa yokuba uThixo uyasithanda (31-39)

8  Ngoko ke abantu abamanyene noKristu Yesu abanatyala.  Kuba umthetho womoya oyingcwele uye waninika ubomi ukuze niphile nimanyene noKristu Yesu. Lo mthetho uye wanikhulula+ kumthetho wesono nowokufa.  Abantu abagqibelelanga,+ ngoko uMthetho wawungenakukwazi+ ukubasindisa ekubeni babengenakukwazi ukuwuthobela ngokupheleleyo, ngenxa yoko uThixo wathumela uNyana wakhe+ enomzimba ofana nowabantu abanesono,+ ukuze asigwebe isono,  sitsho sikwazi ukwenza izinto ezilungileyo ezifunwa nguMthetho,+ thina bantu bangalawulwa yimizimba yethu enesono kodwa ngumoya oyingcwele.+  Kuba abantu abalawulwa yiminqweno yemizimba yabo enesono bahlala becinga ngezinto ezifunwa yimizimba enesono,+ kodwa abo balawulwa ngumoya oyingcwele bahlala becinga ngezinto zomoya oyingcwele.+  Ukucinga ngezinto ezifunwa yimizimba enesono kuzisa ukufa,+ kodwa ukucinga ngezinto ezifunwa ngumoya oyingcwele kuzisa ubomi noxolo;+  kuba ukucinga ngezinto ezifunwa yimizimba enesono kwenza umntu abe lutshaba lukaThixo,+ kuba imizimba enesono ayiwuthobeli umthetho kaThixo, phofu ke ayisoze ikwazi ukuwuthobela.  Ngoko abantu abalawulwa yimizimba enesono abanakukwazi ukumkholisa uThixo.  Kodwa ke nina anilawulwa yimizimba enesono, nilawulwa ngumoya oyingcwele,+ ukuba nyhani umoya kaThixo uhleli kuni. Ukuba umntu akacingi njengoKristu, loo mntu akangokaKristu. 10  Kodwa ukuba uKristu umanyene nani,+ imizimba yenu ifile ngenxa yesono kodwa umoya oyingcwele unenza niphile kuba kusithiwa ningamalungisa. 11  Ukuba ke umoya walowo wavusa uYesu ekufeni uhleli kuni, kwayena lowo wavusa uKristu Yesu ekufeni+ uza kwenza imizimba yenu efayo iphile,+ esebenzisa umoya wakhe ohleli kuni. 12  Ngoko ke bazalwana, asinyanzelekanga ukuba silawulwe yimizimba enesono;+ 13  kuba ukuba nilawulwa yimizimba enesono, ngokuqinisekileyo niza kufa; kodwa ukuba niyohlukana nezenzo zemizimba enesono+ nincedwa ngumoya oyingcwele, niza kuphila.+ 14  Kuba bonke abo bakhokelwa ngumoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.+ 15  Kuba umoya kaThixo awusenzi sibe ngamakhoboka size siphinde soyike, usenza sibe ngoonyana, yaye lo moya usenza sikhwaze sithi kuThixo: “Abha,* Tata!”+ 16  Lo moya+ usenza siqiniseke ukuba singabantwana bakaThixo.+ 17  Ukuba ke singabantwana bakaThixo, sikwazizo neendlalifa, iindlalifa zikaThixo ezimanyene+ noKristu, ukuba sinyamezela ubunzima kunye naye+ ukuze sizukiswe kunye naye.+ 18  Into endiyiqondayo kukuba ubunzima esibufumanayo ngoku abuthathi nto kuzuko oluza kubonakaliswa ngathi.+ 19  Kuba indalo ikulinde ngamehlo abomvu ukutyhilwa koonyana bakaThixo.+ 20  Kuba indalo yenziwa yaphila ubomi obungenanjongo.+ Ayizange izikhethele obo bomi kodwa yaba yinjongo kaThixo ukuba ayiyeke iphile ubomi obungenanjongo, ngethemba 21  lokuba nayo indalo iza kukhululwa+ ekubeni ngamakhoboka emizimba eyonakeleyo ize ibe ngabantwana bakaThixo; iza kufumana inkululeko ezukileyo. 22  Kuba siyazi ukuba yonke indalo iyancwina yaye isentlungwini de kube ngoku. 23  Akuphelelanga apho, kodwa nathi thina bafumene isivuno sokuqala, esingumoya oyingcwele, siyancwina ngaphakathi+ njengoko sikulinde ngamehlo abomvu ukwenziwa oonyana bakaThixo,+ sikhululwe kwimizimba yethu ngokuhlawulelwa. 24  Kuba sasindiswa sineli themba; kodwa ithemba elibonwayo ayilothemba, kuba xa umntu eyibona into, ngaba usaqhubeka enethemba lokuba iyeza? 25  Kodwa ukuba sinethemba+ lento esingayiboniyo,+ sihlala siyilinde ngamehlo abomvu sinyamezele.+ 26  Ngokufanayo, umoya oyingcwele nawo uyasinceda xa siphelelwa ngamandla.+ Ingxaki kukuba sikhe singayazi eyona nto simele siyithandazele, kodwa umoya oyingcwele uyasicelela ezo zinto zisenza sincwine ngaphakathi sibe singakwazi ukuzichaza. 27  Lowo uhlolisisa iintliziyo+ uyayazi into ethethwa ngumoya oyingcwele, kuba umoya oyingcwele ucelela abo bangcwele ngokuvumelana nokuthanda kukaThixo. 28  Siyazi ukuba izenzo zikaThixo ziyasebenzisana ukuze kulungelwe abo bamthandayo, abo bakhethwe ngokwenjongo yakhe;+ 29  ngenxa yokuba abo wayebacinge kwasekuqaleni, wabakhetha ukuze babe njengoNyana wakhe,+ ukuze lo nyana wakhe abe lizibulo+ phakathi kwabantakwabo abaninzi.+ 30  Ngaphezu koko, abo wabakhetha kwangaphambili+ ngabo wababizayo;+ abo wababizayo ngabo wathi bangamalungisa.+ Okokugqibela, abo wathi bangamalungisa ngabo wabazukisayo.+ 31  Yintoni esinokuyithetha ngezi zinto? Ukuba uThixo ukwicala lethu, ngubani onokulwa nathi?+ 32  Ekubeni engazange athandabuze ukunikela ngonyana wakhe ngenxa yethu sonke,+ ngaba angangasiniki ke ngoku zonke ezinye izinto? 33  Ngubani onokubamangalela abo bakhethwe nguThixo?+ Kaloku uThixo ngokwakhe uthi bangamalungisa.+ 34  Ngubani onokubabeka ityala? Kuba uKristu Yesu wafa waza wavuswa, yaye ngoku ungasekunene kukaThixo+ ibe uyasicelela.+ 35  Yintoni enokusenza singathandwa nguKristu?+ Ngaba yintlungu, okanye bubunzima, okanye yintshutshiso, okanye kukulamba, okanye kukuba ze, okanye yingozi, okanye likrele?+ 36  Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Sibulawa yonke le mihla ngenxa yakho; sesifana nje neegusha zokuxhelwa.”+ 37  Sekunjalo, lowo wasithandayo usenza sizoyise zonke ezi zinto.+ 38  Kuba andithandabuzi ukuba zonke ezi zinto, ukufa, ubomi, iingelosi, oorhulumente, izinto ezikhoyo ngoku nezo ziseza kubakho, amandla+ 39  ukuphakama, ubunzulu nayo nantoni na edaliweyo, azinako ukwenza uThixo angasithandi ngothando alubonakalise kuthi ngoKristu Yesu iNkosi yethu.

Umbhalo osemazantsi

Eli ligama lesiAramiki elithetha ukuthi “Owu Tata!”