Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IMBONISELO No. 3 2021 | Ikamva Eliqinisekileyo​​—⁠Unokulifumana Njani?

Unokwenza ntoni ukuze ufumane ikamva eliqinisekileyo? Amanqaku akule magazini aza kukubonisa indlela onokulifumana ngayo. Kwakhona, aza kukunceda ufumane oyena mthombo oza kukunika ikamva eliqinisekileyo.

 

Wonke Umntu​—Uyalifuna Ikamva Eliqinisekileyo

Xa kusenzeka izinto ezingalindelekanga unokuthemba ukukhokelwa ngubani?

Ikamva Lakho Lixhomekeke Entwenini?

Abantu abaninzi abakholelwa ekuvumiseni ngenkwenkwezi, ifeng shui, ukukhonzwa kwabantu abaswelekileyo kunye nokuzalwa kwakhona bakholelwa ekubeni ikamva labo lilawulwa ngamandla angabonakaliyo .

Ngaba Imfundo Nemali Zingakwazi Ukusinika Ikamva Eliqinisekileyo?

Abantu abaninzi bafumanise ukuba imfundo nemali aziyenzi le nto bebeyilindele.

Ngaba Ukuba Ngumntu Olungileyo Kuza Kukwenza Ube Nekamva Eliqinisekileyo?

Kubalulekile ukuba ngumntu olungileyo,kodwa akwanelanga ukuze ube nekamva elibhetele.

Yintoni Enokusinceda Sibe Nekamva Eliqinisekileyo?

Siye sibuze kwabantu abadala nabanobulumko xa siza kwenza isigqibo. Nathi sinokulufumana uncedo ngekamva lethu.

Indlela Yokufumana Ikamva Eliqinisekileyo

Yeyiphi indlela yokufumana ikamva Eliqinisekileyo?