Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ikamva Lakho Lixhomekeke Entwenini?

Ikamva Lakho Lixhomekeke Entwenini?

Abantu abaninzi bakholelwa ukuba ikamva labo lilawulwa ngamandla angabonakaliyo. Ngenxa yale nto, abantu baye benza izinto ezithile abacinga ukuba ziza kwenza ubomi babo bube bhetele.

IZINTO EZIKHOLELWA NGABANTU

UKUVUMISA NGEENKWENKWEZI: Abanye abantu bakholelwa ukuba ikamva labo lixhomekeke kwindlela iinkwenkwezi ezazime ngayo ngoku babezalwa. Ukuze babone into eza kwenzeka kubo, baye bafunde ngezinto ezixelwa ziinkwenkwezi ngeenyanga abazalwa ngazo baze emva koko benze izigqibo.

IFENG SHUI: Abanye bakholelwa ukuba ukuze baphumelele, iindawo abakuzo okanye abahlala kuzo kufuneka zihambelane namandla endalo angabonakaliyo. ULo Wing, * ohlala eHong Kong uthi, “Omnye umntu owazi kakhulu ngefeng shui wathi ukuze ndenze imali eninzi kwivenkile yam kufuneka ndibeke ibhola yekristale kwindawo ethile.”

UKUKHONZA ABANTU ABASWELEKILEYO: Abanye abantu basakholelwa ukuba ukuze bakhuseleke okanye bafumane iintsikelelo kufuneka bakhonze abantu abaswelekileyo okanye ezinye izithixo. UVan ohlala eVietnam uthi, “Ndandikholelwa ukuba xa ndihlonipha abantu abaswelekileyo, mna nabantwana bam siza kuba nekamva elibhetele nelikhuselekileyo.”

UKUZALWA KWAKHONA: Abantu abaninzi bakholelwa ukuba xa umntu eswelekile uye aphinde azalwe kwakhona yaye le nto yenzeka ngokuqhubekayo. Bakwakholelwa nokuba izinto ezintle okanye ezimbi ezenzekayo ebomini babo zibangelwa zizinto abazenzayo kubomi babo bangaphambili.

Kodwa abaninzi bathi ezi zinto aziyonyani. Nangona abaninzi besithi abazikholelwa ezi zinto, basaya kubantu abafunda izandla zabo ukuze babaxelele ngekamva labo, basazijonga iimagazini ezichaza ngento exelwa ziinkwenkwezi ngeenyanga abazalwa ngazo, basazisebenzisa iibhodi zeOuija® ezinemimoya ethethayo ibe basawasebenzisa namakhadi omlingo nezinye izinto. Bacinga ukuba ukwenza ezi zinto kunokubanceda balazi ikamva labo.

NGABA EZO NKOLELO ZIYE ZABANCEDA ABANTU?

Ngaba abantu abazikholelwayo ezi zinto baye baba nobomi obubhetele nekamva eliqinisekileyo?

Khawucinge ngento eyenzeka ku Hào ohlala eVietnam. Kuba wayefuna into eza kumnceda, wayekholelwa ekuvumiseni ngeenkwenkwezi, kwifeng shui nakubantu abaswelekileyo. Ngaba wancedakala ke? UHào uthi, “Ndalahlekelwa yimali eninzi, ndaba namatyala neengxaki zentsapho ndaze ndaba nexhala kakhulu.”

UQiuming waseTaiwan, naye wayekholelwa kubavumisi ngeenkwenkwezi, kwimfundiso yokuba umntu uphinda azalwe kwakhona, kwilakhi, kwifeng shui nakubantu abaswelekileyo. Emva kokuba ecingisise kakuhle wathi: “Ndaye ndabona ukuba izinto ezifundiswa kwezi nkolelo ziyabhida ibe ziyangqubana. Ndafumanisa ukuba izinto ezichazwa ngabavumisi beenkwenkwezi azisoloko zichanile. Yona imfundiso yokuba abantu baphinde bazalwe kwakhona yayindibhida kuba ukuba awuyikhumbuli into eyenzeka kubomi bakho bangaphambili, ungayitshintsha njani kubomi bakho obulandelayo?”

“Ndaye ndabona ukuba izinto ezifundiswa kwezi nkolelo ziyabhida ibe ziyangqubana.”—UQIUMING, WASETAIWAN

NjengoHào, noQiuming, abantu abaninzi bafumanise ukuba ubomi bethu abuxhomekekanga kwilakhi, kwiinkwenkwezi, kubantu abaswelekileyo, okanye kukuzalwa kwakhona. Ngaba le nto ithetha ukuba akhonto esinokuyenza ngekamva lethu?

Abanye abantu bacinga ukuba ukuze babe nobomi obubhetele kufuneka baye eyunivesithi baze babe nemali eninzi. Iye yaba yintoni imiphumo yabantu abenze esi sigqibo?

^ isiqe. 5 Kweli nqaku nakumanye alandelayo, amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 16 Le nto ithethwa apha siyifumana kwiZibhalo eziNgcwele kumaGalati 6:7. Ngokuqhelekileyo eAsia kudla ngokuthiwa “Ukuba utyala iiivatala uza kufumana iivatala, ukuba utyala iimbhotyi uza kufumana iimbhotyi.”