Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Imfundo Nemali Zingakwazi Ukusinika Ikamva Eliqinisekileyo?

Ngaba Imfundo Nemali Zingakwazi Ukusinika Ikamva Eliqinisekileyo?

Abantu abaninzi bacinga ukuba abantu abafundileyo nabanemali banekamva eliqinisekileyo. Bacinga ukuba xa beye eyunivesithi, iinkampani abaphangela kuzo, iintsapho zabo, neendawo abahlala kuzo ziza kuncedakala ngabo. Bacinga ukuba xa befunde kakhulu baza kufumana umsebenzi obhatala kakuhle ize loo mali ibenze bonwabe.

INTO EYENZIWE NGABANTU ABANINZI

Cinga ngento eyathethwa nguZhang Chen, waseChina. Uthi, “Ndandicinga ukuba imfundo yase yunivesithi iza kundinceda ndiyeke ukusokola, ndifumane umsebenzi obhatala kakuhle ndonwabe ndize ndaneliseke.”

Ukuze bafumane ubomi obubhetele abanye bacinga ukuba kufuneka bafunde kwiiyunivesithi ezaziwayo okanye kwamanye amazwe. Le nto ibikhe yaxhaphaka kakhulu ngaphambi kokuba abantu bayekiswe ukuya kwamanye amazwe ngenxa yeKhorona. Ingxelo yango-2012 yeOrganisation for Economic Co-operation and Development ithi: “Xa kujongwa bonke abantu abafunda phesheya, i-52% yabo isuka eAsia.”

Abazali baye basebenze nzima ukuze abantwana babo bakwazi ukufunda kwiiyunivesithi zamanye amazwe. UQixiang waseTaiwan, uthi: “Abazali bam babengenamali ininzi kodwa basa mna nabantwana abayi-3 basekhaya kwiyunivesithi yaseUnited States. Ukuze bakwazi ukubhatalela imfundo yabo, njengezinye iintsapho, kwafuneka bangene ematyaleni.

NGABA IMFUNDO INGAKWAZI UKUSINIKA IKAMVA ELIQINISEKILEYO?

Baye bashiyeka benestres abantu abaninzi abafumene imfundo yaseyunivesithi nobutyebi.

Nangona imfundo inokukwazi ukubenza bhetele ubomi ngezinye iindlela, abafundi bafumanise ukuba izinto ababezilindele azisoloko zisenzeka. Ngokomzekelo abaninzi baye bangawufumani umsebenzi wento ababeyifundele nasemva kokuba befunde iminyaka emininzi baze baboleka nemali eninzi ukuze babhatalele imfundo yabo. URachel Mui wathi kwiSingapore’s Business Times: “Liya lisanda inani labantu abaphume eyunivesithi baze bangawufumani umsebenzi.” UJianjie, indoda yaseTaiwan efunde kakhulu ithi, “Abantu abaninzi abawufumani umsebenzi wento ababeyifundele.”

Kanti nabo bawufumeneyo umsebenzi walento ababeyifundele basenokuphela bebona ukuba ubomi khange bube yilento bebeyicinga. UNiran waseThailand waye wawufumana umsebenzi wento ebeyifundele emva kokuba ebuyile kwiyunivesithi yaseUnited Kingdom. “Lo msebenzi waye wandibhatala imali eninzi njengoko bendilindele. Kodwa ininzi injalo loo mali, kwafuneka ndiyisebenzele nzima. Okubuhlungu kukuba le nkampani yaye yagxotha abasebenzi bayo abaninzi kuquka nam lo. Ndaye ndabona ukuba akukho msebenzi unokukunika ikamva eliqinisekileyo.”

Nabantu abanemali eninzi nababonakala bephila kamnandi, banazo iingxaki zentsapho, baye bagule ibe baba nexhala ngemali. UKatsutoshi waseJapan yena uthi, “Ndandinemali eninzi kodwa ndandingonwabanga kuba abanye babendimonela bendiphethe nakakubi.” Omnye umama waseVietnam onguLam uthi, “Ndiye ndabona abantu abaninzi befuna ukuba nomsebenzi obhatala kakhulu kuba besithi uza kubanceda baphile kamnandi kodwa eyona nto iye yenzeke kukuba baye bagule baze babe nexhala kakhulu.”

NjengoFranklin, abaninzi baye bagqiba kwelokuba zininzi izinto ezibalulekileyo kunemfundo yaseyunivesithi nokuleqana nobutyebi. Endaweni yokufuna uba nezinto, abanye abantu baye bafune ukuba nobomi obubhetele ngokuba ngabantu abalungileyo nokwenzela abanye abantu izinto ezintle. Ngaba ukwenza ezi zinto kuza kubenza babe nekamva eliqinisekileyo? Inqaku elilandelayo liza kukuphendula.