Yiya kwinkcazelo

Athini AmaNgqina KaYehova Ngesayensi?

Athini AmaNgqina KaYehova Ngesayensi?

Siyazihlonipha izinto ezifunyanwa ngoososayensi ibe siyazikholelwa xa zinobungqina.

ICollins Cobuild Advanced Learner’s English Dictionary ithi: “Kwisayensi sifunda ngendalo nezinto ezenziwa yindalo.” Nangona iBhayibhile ingeyoncwadi yesayensi, ikhuthaza abantu ukuba bafunde ngendalo nangezinto ezifunyaniswe ngoososayensi. Nantsi imizekelo:

  • Iinkwenkwezi: “Phakamiselani amehlo enu phezulu nize nibone. Ngubani na odale ezi zinto? NguLowo uzisa umkhosi wazo kanye ngokwenani, uzibiza nangegama xa zizonke.”​—Isaya 40:26.

  • Ibhayoloji: USolomon “wayethetha ngemithi, ukususela kumsedare oseLebhanon kuse kwihisope ephuma eludongeni; kwaye wayethetha ngezilo nangezidalwa eziphaphazelayo nangezinto ezinambuzelayo nangeentlanzi.”​—1 Kumkani 4:33.

  • Unyango: “Kwabo baphilileyo akufuneki gqirha, kodwa kwabo bagulayo uyafuneka.”​—Luka 5:31.

  • Imozulu: ‘Ngaba ungenile koovimba bekhephu, okanye ngaba ubona kwanoovimba besichotho? Nendlela umoya wasempuma osasazeka ngayo phezu komhlaba?’​—Yobhi 38:22-24.

Iincwadi zethu zikhuthaza abantu ukuba bayazi isayensi kuba zinamanqaku athetha ngendalo nangezinto ezifunyaniswe ngoososayensi. Abazali abangamaNgqina bakhuthaza abantwana babo ukuba baye esikolweni ukuze bazi into eyenzekayo kwindalo. Amanye amaNgqina KaYehova asebenza kwiindawo zesayensi, ngebiochemistry, ngemaths nangephysics.

Ayinazo zonke iimpendulo

Sikholelwa ukuba isayensi ayiphenduli yonke imibuzo abantu abanayo. a Ngokomzekelo, kukho abantu abajonga ukuba umhlaba wenziwe ngantoni nabafunda ngendlela umzimba osebenza ngayo. Kodwa kutheni ingumhlaba onazo zonke izinto ezifunekayo ukuze izinto ezidaliweyo ziphile kakuhle kuwo? Kutheni amalungu omzimba esebenzisana kakuhle kangaka?

Sifumanise ukuba yiBhayibhile yodwa eyiphendula kakuhle le mibuzo. (INdumiso 139:13-16, Isaya 45:18) Ngoko sikholelwa ukuba, ukuze umntu azazi zonke izinto ezibalulekileyo, kufuneka afunde isayensi neBhayibhile.

Ngamanye amaxesha, kunokubonakala ngathi isayensi iyaphikisana neBhayibhile. Loo nto iye yabangelwa kukungayiqondi kakuhle into ethethwa yiBhayibhile. Ngokomzekelo, iBhayibhile ayithi umhlaba wadalwa kwintsuku ezintandathu eziqhelekileyo.​—Genesis 1:1; 2:4.

Kuye kwafunyaniswa ukuba ezinye izinto zesayensi azinabungqina bubambekayo, yaza loo nto yabangela ukuba oongqondo-ngqondo besayensi bangavumelani nazo. Ngokomzekelo, indalo ngokwayo ibonisa ukuba kukho umntu okrelekrele owayenzayo, ngoko siyangqinelana noososayensi abakholelwa ukuba indalo ayizange izivelele.

a Usosayensi waseAustria uErwin Schrödinger nowafumana iNobel Prize, wabhala wathi, isayensi “ayifane ithethe tu ngezinto ezibalulekileyo kuthi bantu.” Yena uAlbert Einstein uthi: “Into ebuhlungu esiye sayifumanisa kukuba asikwazi kude siyifumane indlela yokulungisa iingxaki abantu abanazo.”