Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Akhonza Kunye Nabantu Bezinye Iinkonzo?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Akhonza Kunye Nabantu Bezinye Iinkonzo?

 NjengamaNgqina KaYehova, siyakuvuyela ukuthetha nabantu beenkonzo zonke ngeBhayibhile, kodwa asikhonzi kunye nabo. IBhayibhile ibonisa ukuba amaKristu okwenyaniso ‘amanyaniswa ndawonye ngemvisiswano,’ ibe eyona nto ibangela le mvisiswano zizinto azikholelwayo. (Efese 4:16; 1 Korinte 1:10; Filipi 2:2) Oku akakwenzi kuba nje ethandana, evelana ibe exolelana. Izinto esizikholelwayo zisekelwe kulwazi oluchanileyo oluseBhayibhileni, ngaphandle kwalo ukukhonza kwethu bekuya kuba lilize.​—Roma 10:2, 3.

 IBhayibhile ifanisa ukukhonza kunye nabantu bezinye iinkonzo nokubotshwa edyokhweni enye nabo, nto leyo ebiya kulwenzakalisa ukholo lwamaKristu. (2 Korinte 6:14-17) Ngenxa yoko, uYesu akazange abavumele abafundi bakhe ukuba bakhonze kunye nabantu beezinye iinkonzo. (Mateyu 12:30; Yohane 14:6) Ngendlela efanayo, uMthetho kaThixo awawunika amaSirayeli ngoMoses wawuwalela ukuba akhonze kunye nabamelwane bawo. (Eksodus 34:11-14) Kamva amaSirayeli athembekileyo akazange alwamkele uncedo lwabanye abantu kuba loo nto yayiza kuwabangela akhonze kunye nabantu ababengamkhonzi uYehova.​—Ezra 4:1-3.

Ngaba amaNgqina KaYehova ayathetha ngezinto azikholelwayo nabantu bezinye iinkonzo?

 Kunjalo. Kangangokuba, 2022 sichithe iiyure 1 501 797 703 sishumayela kubantu bezinye iinkonzo. Njengompostile uPawulos, xa sishumayela ebantwini sinomdla wokwazi oko ‘inkoliso yabantu’ ikucingayo nekukholelwayo. (1 Korinte 9:19-22) Kwiincoko zethu, sizama ukusebenzisa amacebiso aseBhayibhileni sibonise ‘intlonelo enzulu’ kulo mntu sithetha naye.​—1 Petros 3:15.