Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Ndifanele Ndizenzele Abahlobo Abangakumbi?

Ngaba Ndifanele Ndizenzele Abahlobo Abangakumbi?

“Ndiyonwaba xa ndikunye nabahlobo bam, ibe kunzima ukuzenzela abanye.”​—UAlan.

“Ndinabahlobo abambalwa, ibe ndiyayithanda loo nto. Andingomntu uthanda ukuthetha nabantu endingabaziyo.”​—USara.

Ngaba nawe ufana noAlan noSara? Ngaba unabahlobo abasenyongweni ibe kunzima kuwe ukuzenzela abatsha?

Ukuba kunjalo, eli nqaku liza kukunceda!

 Ingxaki yokuba nabahlobo abathile

Akukho nto imbi ngokuba nabahlobo abathile abasenyongweni. Ukuba nabahlobo abanjalo kukwenza uzive unabantu abakwaziyo nabakwamkela ngale ndlela uyiyo​—abazaziyo izinto onobuthathaka kuzo.

“Kumnandi ukuthandwa nokuba nabahlobo. Xa usemtsha, yiloo nto kanye oyifunayo.”​—UKaren, ona-19.

Ngaba ubusazi?’ Abapostile abayi-12 babengabanye babahlobo bakaYesu, kodwa nguPetros, uYakobi noYohane ababesondele kakhulu kuye.​—Marko 9:2; Luka 8:51.

Kodwa ke, ukuba neqela elinye elithile labahlobo​—nokungazenzeli abanye​—kunokubangela iingxaki. Ngokomzekelo:

  • Kunokukuphosanisa nabantu abanokuba ngabahlobo bakho abasenyongweni.

    “Ukuba nabahlobo abafana nawe kuphela, kunokukuvalela ithuba lokufunda izinto ezintsha​—nokudibana nabantu abatsha.”​—UEvan, ona-21.

  • Kunokukwenza ubonakale njengomntu ophakamileyo.

    “Ukuba nabahlobo abafana nawe kuphela, kunokukwenza ubonakale ngathi awufuni kuthetha nabanye abantu.”​—USara, ona-17.

  • Kunokukwenza nawe untlonte abanye.

    “Kunzima ukuntlonta xa uwedwa, kodwa xa abahlobo bakho bekwenza nakuwe kuba lula kwaye kuyonwabisa.”​—UJames, ona-17.

  • Kunokukufaka engxakini ngokukodwa xa ufuna ngamandla ukuzithandisa kwelo qela labahlobo.

    “Ngento nje enye embi eyenziwe ngumntu omnye, bonke abahlobo bayosuleleka.”​—UMartina, ona-17.

 Oko unokukwenza

  • Hlola indlela ophila ngayo.

    Zibuze: ‘Ndifuna ukuphila njani? Ngaba abahlobo bam benza kube nzima okanye kube lula ukuphila ngale ndlela ndiyifunayo? Ngaba ndiza kuqhubeka ndingumhlobo wabo enoba kwenzeka ntoni?’

    Umgaqo weBhayibhile: “Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.”​—1 Korinte 15:33.

    “Xa unabahlobo abaphila ngendlela eyahlukileyo kweyakho, uya kuzibhaqa usenza izinto obungenakuzenza.”​—UEllen, ona-14.

  • Hlola izinto eziza kuqala.

    Zibuze: ‘Ngaba abahlobo bam ndibathanda kangangokuba ndingenza izinto ezingafanelekanga kuba ndifuna ukuba kunye nabo? Ndiza kwenza ntoni ukuba umhlobo wam wenza into engafanelekanga?’

    Umgaqo weBhayibhile: “Bonke abo ndinomsa ngabo ndiyabohlwaya.”​—ISityhilelo 3:​19.

    “Ukuba omnye kubahlobo bakho ungena engxakini kuba enze into engafanelekanga, xa uthetha ngaloo nto kungabonakala ngokungathi uyamngcatsha.”​—UMelanie, ona-22.

  • Zenzele abahlobo abangakumbi.

    Zibuze: ‘Ngaba ayinakundinceda into yokuba ndizenzele abanye abahlobo ndiquke nabanye abantu?’

    Umgaqo weBhayibhile: “Ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”​—Filipi 2:4.

    “Abantwana abangaziwa kangako banokuba neengxaki emakhayeni abo. Kodwa xa ubazi, uya kufumanisa ukuba zikho izinto abakhetheke kuzo.”​—UBrian, ona-19.

Eyona nto ibalulekileyo: Akukho nto imbi ngokuba nabahlobo abathile abasenyongweni. Kwangaxeshanye, ingakunceda nento yokuzenzela abanye abahlobo. Umgaqo weBhayibhile: “Umphefumlo onesisa uya kutyetyiswa.”​—IMizekeliso 11:25.