Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Ndizisika?

Kutheni Ndizisika?

 Yintoni ukuzisika?

Abantu abazisikayo baziva benyanzelekile ukwenjenjalo, bezisika ngesixhobo esibukhali. Ngaloo ndlela bayazenzakalisa. Oku kuquka ukuzitshisa, ukuzikrwela okanye ukuzibethekisa. Eli nqaku lithetha ngokuzisika, kodwa imigaqo ekulo isebenza kuzo zonke iindlela zokuzenzakalisa.

Hlola ulwazi lwakho: Yinyaniso okanye Bubuxoki.

  1. Ngamantombazana kuphela azisikayo.

  2. Ukuzisika kunxamnye nomyalelo weBhayibhileni okwiLevitikus 19:28, othi: “Nize ningenzi ntlanga enyameni yenu.”

Iimpendulo ezichanileyo:

  1. Bubuxoki. Nangona ingamantombazana kakhulu anale ngxaki, namakhwenkwe akhe azisike.

  2. Bubuxoki. ILevitikus 19:28 ibhekisela kwisithethe sabahedeni kungekhona ekuzisikeni ekuthethwa ngako kweli nqaku. Noko ke, kusengqiqweni ngoMdali onothando ukuba angafuni sizenzakalise.—1 Korinte 6:12; 2 Korinte 7:1; 1 Yohane 4:8.

 Kutheni abantu bezisika?

Hlola ulwazi lwakho: Sisiphi isivakalisi ocinga ukuba sesona sichanileyo?

Abantu bazisika . . .

  1. ngenxa yokuba bezama ukumelana nokubandezeleka.

  2. ngenxa yokuba bezama ukuzibulala.

Impendulo echanileyo: A. Abantu abaninzi abazisikayo abafuni kufa. Bafuna nje isiqabu ekuxinezelekeni kwabo ngokweemvakalelo.

Phawula oko kuthethwa lolunye ulutsha oluzisikayo.

UCelia: “Ndifumana isiqabu.”

UTamara: “Ukuzisika kubhetele kunentlungu endiba nayo ngokweemvakalelo.”

UCarrie: “Andikuthandi ukuziva ndikhathazekile. Xa ndizisika ndiyayeka ukucinga ngaloo nto indikhathazileyo.”

UJerrine: “Qho ndizisika ndiyalibala ngeengxaki endinazo.”

 Ukuba unale ngxaki, ungayeka njani?

Ukuthandaza kuYehova uThixo linyathelo elisa ekuchacheni. IBhayibhile ithi: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.

Icebiso: Qala ngokwenza umthandazo omfutshane, mhlawumbi uthi kuYehova, “Ndidinga uncedo.” Ekuhambeni kwexesha uya kukwazi ukuphalaza imbilini yakho ‘kuThixo wentuthuzelo yonke.’—2 Korinte 1:3, 4.

Umthandazo awuyonto ikwenza uchache okwexeshana. Yincoko ebakho phakathi kwakho noBawo wasezulwini, okuthembisa oku: “Ndiza kukunceda ngokwenene. Ndiza kukubamba nkqi ngokwenene ngesandla sam sasekunene sobulungisa.”—Isaya 41:10.

Abantu abaninzi abanengxaki yokuzisika baye bathuthuzeleka xa bethethe nomzali okanye omnye umntu omdala abamthembileyo. Makhe sihlole oko kuthethwa ngamabhinqa amathathu aselula aye enjenjalo.

 Imibuzo onokucinga ngayo

  • Xa udinga uncedo, ungalucela kubani?

  • Ungayibeka njani imeko xa uthandaza kuYehova uThixo?

  • Ngaba ungachaza ngeendlela ezimbini onokuzisebenzisa ukuze unciphise uxinezeleko (ezingaquki ukuzisika)?