Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Marko 11:24—“Zonke Izinto Enizicela Ngomthandazo, Yibani Nokholo Ngathi Sele Nizifumene”

Marko 11:24—“Zonke Izinto Enizicela Ngomthandazo, Yibani Nokholo Ngathi Sele Nizifumene”

 “Kungenxa yoko le nto ndisithi kuni, zonke izinto enizicela ngomthandazo, yibani nokholo ngathi sele nizifumene, ibe niza kuzifumana.”—Marko 11:24, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.”—Marko 11:24, IBhayibhile YesiXhosa Yango-1996.

Into Ethethwa NguMarko 11:24

 Ngala mazwi, uYesu ubonisa abafundi bakhe ukuba kubaluleke kakhulu ukuba nokholo kwindlela onamandla ngayo umthandazo. Uyabaqinisekisa ukuba uThixo akayimameli kuphela imithandazo yabo kodwa uyayiphendula. Umntu othandaza ngokunyaniseka ngezinto ezithandwa nguThixo, angaqiniseka ukuba umthandazo wakhe uza kuphendulwa nakanjani. Kuvele kube ngathi loo mthandazo sele uphenduliwe.

 UYesu uphinda ababonise indlela ekubaluleke ngayo ukuthandaza benokholo. Uthi umntu othandazayo umele “angathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ayikholelwe into yokuba iza kwenzeka loo nto.” (Marko 11:23) Ngoba? Kuba umntu othandabuzayo “makangalindeli kwenzelwa nto nguYehova.” aYakobi 1:5-8.

 Umntu onokholo uthandaza qho. (Luka 11:9, 10; Roma 12:12) Ngalo ndlela, ubonisa ukuba uyidinga nyhani loo nto ayithandazelayo ibe uyakholelwa ukuba uThixo uza kumphendula. Uyazi ukuba uThixo usenokumphendula ngenye indlela nokuba usenokungamphenduli ngexesha alilindeleyo.—Efese 3:20; Hebhere 11:6.

 Kodwa uYesu wayengathethi ukuba umntu umele alindele ukuba uThixo uza kuyiphendula yonke into ayithandazelayo. Wayethetha nabalandeli bakhe, abantu ababenokholo nababezama ngandlela zonke ukukhonza uYehova uThixo ngendlela ayifunayo. IBhayibhile ithi uYehova umamela imithandazo evumelana nokuthanda kwakhe kuphela. (1 Yohane 5:14) Akayimameli imithandazo yabantu abangafuniyo ukuphila ngemigaqo yakhe nabenza izinto ezimbi bengaguquki. (Isaya 1:15; Mika 3:4; Yohane 9:31) Ukuze wazi nezinye izinto ngemithandazo uThixo ayimamelayo, bukela le vidiyo imfutshane.

Into Ekuthethwa Ngayo KuMarko 11:24

 Kwiintsuku zakhe zokugqibela esenza umsebenzi wokushumayela, uYesu wancokola nabafundi bakhe ngokubaluleka kokubonisa ukholo kuThixo. Ukuze abonise indlela ebaluleke ngayo le nto, wasebenzisa umzekelo. Xa wayesiya eYerusalem, wabona umthi wamafiya owawunamagqabi awayevele ngaphambi kwexesha. Kwathi kanti awunaziqhamo, ngoko uYesu wawuqalekisa. (Marko 11:12-14) Lo mthi wawunothi xa uwujongile, ucinge ukuba uneziqhamo kanti awunazo. Nohlanga lwamaSirayeli ke lwalunjalo, lwalubonakala ngathi lukhonza uThixo, kodwa lwabe lungenalukholo. (Mateyu 21:43) Kwathi kungagqithanga xesha lide, umthi wamafiya woma. Loo nto yayibonisa into eyayiza kwenzeka kumaSirayeli angenalukholo.—Marko 11:19-21.

 Ngokungafaniyo namaSirayeli awayengenakholo, uYesu wayeqinisekile ukuba abalandeli bakhe banokuba nokholo abaludingayo ukuze bamelane neengxaki baze benze izinto ezimangalisayo. (Marko 11:22, 23) Icebiso likaYesu ngomthandazo lafika ngexesha elifanelekileyo kubafundi bakhe kuba kungekudala ukholo lwabo lwaluza kuvavanywa. Kaloku uYesu wayeza kubulawa, ngoko kwakuzofuneka bamelane naloo ntlungu yokuswelekelwa. Kwelinye icala, babeza kutshutshiswa ngenxa yokuba beshumayela. (Luka 24:17-20; IZenzo 5:17, 18, 40) Nanamhlanje, abalandeli bakaYesu bangakwazi ukumelana neengxaki, ukuba banokholo kuThixo nakwindlela onamandla ngayo umthandazo.—Yakobi 2:26.

 Bukela le vidiyo imfutshane, ukuze ubone nezinye izinto ongazifunda kwincwadi kaMarko.

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?