Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Yeremiya 29:11—“Ndizazi Kakuhle Izinto Endizicingayo Ngani”

Yeremiya 29:11—“Ndizazi Kakuhle Izinto Endizicingayo Ngani”

 “‘Kuba mna ndizazi kakuhle izinto endizicingayo ngani,’ utsho uYehova, a ‘ndicinga ngoxolo, kungekhona intlekele, ukuze ndininike ithemba nekamva.’”—Yeremiya 29:11, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Zisekuhleni izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.—Yeremiya 29:11, IBhayibhile YesiXhosa Yango 1996.

Into Ethethwa NguYeremiya 29:11

 UYehova uThixo waxelela abakhonzi bakhe ukuba ufuna ukubenza babeseluxolweni kwixesha elizayo. Nangona ayebhalelwa abantu bakudala, la mazwi achaza into ecingwa nguThixo. ‘NguThixo onika ithemba.’ (Roma 15:13) Phofu wabhala esi sithembiso eBhayibhileni “ukuze sibe nethemba” lento eza kwenzeka kwixesha elizayo.—Roma 15:4.

Into Ekuthethwa Ngayo KuYeremiya 29:11

 La mazwi ayekwileta eyabhalelwa amaSirayeli aseYerusalem b awayethinjelwe eBhabhiloni. (Yeremiya 29:1) UThixo wawaxelela ukuba ayeza kuhlala ixesha elide ethinjiwe ibe afanele akhe izindlu, atyale kwiigadi futhi abe nazo neentsapho azikhulisayo. (Yeremiya 29:4-9) Kodwa uThixo waphinda wathi: “Xa kuphela iminyaka eyi-70, ndiza kunikhumbula, kwaye ndiza kuyenza into endinithembise yona ngokunibuyisela [eYerusalem].” (Yeremiya 29:10) Wabenza baqiniseka ukuba akabalibalanga nokuba into abathembise yona uza kuyenza.—Yeremiya 31:16, 17.

 UThixo wayenza into awayeyithembise amaSirayeli. Njengokuba kwakutshiwo, iBhabhiloni yoyiswa nguKumkani wasePersi uKoreshi. (Isaya 45:1, 2; Yeremiya 51:30-32) Emva koko, uKoreshi wawavumela amaYuda ukuba abuyele kwindawo yawo. Emva kweminyaka eyi-70 ethinjiwe, abuyela eYerusalem.—2 Kronike 36:20-23; Ezra 3:1.

 UThixo wayenza into awayeyithembisile kuYeremiya 29:11, ibe loo nto ibenza baqiniseke abo bathembele ngaye ukuba uza kuyenza into ayithembisileyo nanamhlanje. Enye yezi zinto azithembisileyo luxolo oluza kuba semhlabeni wonke, oluza kuziswa buBukumkani bukaThixo obunomlawuli onguYesu Kristu.—INdumiso 37:10, 11, 29; Isaya 55:11; Mateyu 6:10.

Ubuxoki Obuthethwayo NgoYeremiya 29:11

 Ubuxoki: UThixo “unecebo” elithile ngomntu ngamnye.

 Inyani: UThixo uvumela abantu bazikhethele ngokwabo indlela abafuna ukubuphila ngayo ubomi babo. Amazwi akhe akuYeremiya 29:11 ayebhalelwa amaSirayeli awayeseBhabhiloni njengeqela, ibe wayefuna elo qela libe seluxolweni kwixesha elizayo. (Yeremiya 29:4) Kodwa ke uThixo wabayeka bazikhethela ukuba bayakufuna na ukuncedakala sisithembiso abanike sona. (Duteronomi 30:19, 20; Yeremiya 29:32) Abo bakhetha uThixo, bayenza loo nto ngokuthandaza kuye ngokusuka entliziyweni.—Yeremiya 29:12, 13.

 Ubuxoki: UThixo uza kubenza babe zizityebi abakhonzi bakhe.

 Inyani: Igama elithi “baphumelele” elifumaneka kwezinye iiBhayibhile kuYeremiya 29:11 liguqulelwe ngokusuka kwelesiHebhere elithetha “uxolo, ukuba sempilweni, nokonwaba.” Kule vesi, uThixo wayethembisa ukunika abantu ababethinjiwe uxolo nokuphila kamnandi, hayi ubutyebi. Aba bantu babeza kuqhubeka bephila baze ngenye imini babuyele eYerusalem.—Yeremiya 29:4-10.

Funda uYeremiya isahluko 29, imibhalo esemazantsi, neembekiselo.

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.

b IExpositor’s Bible Commentary ithi xa ithetha ngoYeremiya 29:11: “Esi sesinye sezithembiso ezimnandi esifumaneka eBhayibhileni. Sibonisa indlela anovelwano ngayo uYahweh [uYehova] kwaba bathinjwa ibe sibenza bangatyhafi futhi babe nethemba.”—Umqulu 7, iphepha 360.