Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

I-JW LIBRARY

Dawunlowuda Uze Usebenzise IBhayibhile​—Kwi-iOS

Dawunlowuda Uze Usebenzise IBhayibhile​—Kwi-iOS

Ukufunda iBhayibhile yeyona nto ibalulekileyo kuJW Library.

Landela le miyalelo ukuze udawunlowude uze usebenzise iBhayibhile:

 Dawunlowuda IBhayibhile

Ungazidawunlowudela iinguqulelo zeBhayibhile ukuze uzifunde.

  • Cofa kwindawo ethi, Bible ukuze ubone iiBhayibhile ezikhoyo.

  • Cofa uphawu lweelwimi ezikhoyo ukuze ubone zonke iiBhayibhile ezikhoyo. Iinguqulelo ozisebenzisa kakhulu zivela kuqala kuludwe. Unokukhangela ulwimi okanye inguqulelo ngokubhala igama layo. Ngokomzekelo, xa ufuna iKingdom Interlinear yesiNgesi bhala u-“int” okanye u-“port” ukuze ufumane iiBhayibhile zesiPhuthukezi.

  • IiBhayibhile ezingekadawunlowudwa zinophawu lwelifu. Yicofe ukuze uyidawunlowude. Xa ingenile iBhayibhile kwisixhobo sakho, ilifu liyemka. Ukuze uyifunde, phinda uyicofe.

Xa ungayiboni inguqulelo yeBhayibhile oyifunayo, yijonge ngelinye ixesha. Iinguqulelo ezingakumbi ziza kufakwa xa zikhona.

 Susa IBhayibhile

Ungayisusa iBhayibhile xa ungasayidingi okanye xa igqiba indawo.

Cofa kolu phawu ukuze ubone uludwe lweeBhayibhile. Swayipa ecaleni kweBhayibhile ofuna ukuyisusa emva koko ucofe uDelete.

 Hlaziya IBhayibhile

Ngamanye amaxesha, iBhayibhile oyidawunlowudileyo iye ihlaziywe.

IBhayibhile ehlaziyiweyo iba nolu phawu. Xa ucofa iBhayibhile uza kubona umyalezo othi ihlaziyiwe. Cofa ku-Download ukuze uyifumane okanye ucofe u-Later ukuze ufunde le ubusele unayo.

Ezi zinto zakhululwa ngoFebruwari 2015 neJW Library 1.4, ehambelanayo ne-iOS 6.0 okanye ezilandelayo emva kwayo. Ukuba awuziboni ezi zinto, nceda ulandele imiyalelo ekwinqaku elithi, “Sebenzisa I-JW Library​—Kwi-iOS,” ngaphantsi kwendawo ethi, Fumana Izinto Ezintsha.