Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

I-JW LIBRARY

Sebenzisa i-JW LIBRARY​—Kwi-iOS

Sebenzisa i-JW LIBRARY​—Kwi-iOS

Wamkelekile kwi-JW Library. Le app yenzelwe ukusinceda sifunde iBhayibhile. Ungaya kwizinto ezikule app ngokucofa kuzo ezantsi kwiskrini.

Bible

Emva kokucofa uBible ungakwazi ukufunda nokufaka iinguqulelo zeeBhayibhile. Cofa incwadi yeBhayibhile emva koko inombolo yesahluko uze uqalise ukufunda. Njengoko ufunda, unokubona imibhalo esemazantsi, iimbekiselo zezibhalo nezinye iinguqulelo zeBhayibhile.

 Xa ufuna omnye umbhalo, phinda ucofe kwindawo ethi Bible ukuze ubuyele kuludwe lweencwadi zeBhayibhile.

Publications

KuPublications kukho uncwadi, izinto ezirekhodiweyo neevidiyo. Cofa incwadi, isahluko uze uqalise ukufunda. Njengoko ufunda unokujonga nezibhalo ezibonisiweyo. Sicofe ukuze ubone ivesi ngasekunene. Wucofe umbhalo ongasekunene ukuze ubone ivesi eBhayibhileni.

 Xa ufuna enye incwadi, phinda ucofe kuPublications ukuze ubuyele kuludwe lweencwadi.

Daily Text

Cofa uDaily Text ukuze ubone itekisi yosuku.

 Meetings

Cofa kwindawo ethi Meetings ukuze ubone iincwadi eziza kufundwa kuloo ntlanganiso.

 Online

Cofa uOnline ukuze ungene kwiwebhsayithi.

 Zifakele Izinto Ezintsha

Qiniseka ukuba unazo izinto ezintsha ku-JW Library ngokuyihlaziya.

Kungakuhle ukuba ungane-iOS yakutshanje kwisixhobo sakho se-elekroniki. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi jonga le linki ilandelayo: https://support.apple.com/en-us/HT204204.

Kwisixhobo sakho se-elektroniki ungaya kuautomatic app updates kwiisettings. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi jonga le linki ilandelayo: https://support.apple.com/en-us/HT202180.