Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO

Abantu Bangaxolelana Njani?

Abantu Bangaxolelana Njani?

Nakubeni uFrank noJerry babengabamelwane abanobuhlobo, kwaba ngathi zange khe bavana xa uJerry waba nepati ebusuku. * Xa uFrank ekhalazela ingxolo kwathi kanti uyimoshile, kuba noJerry wacatshukiswa yindlela awakhalaza ngayo. Baxambulisana, emva koko abazange bathethisane.

INGXAKI kaFrank noJerry iqhelekile. Xa abantu ababini bengavumelani, badla ngokucaphuka, mhlawumbi ingulo etyhola lowaa. Yaye ukuba abayilungisi loo ngxaki, ubuhlobo babo busemngciphekweni wokuphela.

Kusenokwenzeka ukuba nawe ukhe wakwimeko enjalo. Ukuba kunjalo, ngokuqinisekileyo zange uyithande! Yinyaniso ukuba sonke sifuna ukuba noxolo nemvisiswano nabamelwane kunye nabahlobo bethu. Kodwa singakwenza njani oko, phezu kwako nje ukungaboni ngasonye ngamaxesha athile? Ngaba singakwazi ukuxolela abantu abaye basicaphukisa? Ngaba singakwazi ukulungisa iingxaki ngaphandle kwengxabano?

Cinga ngale ngokungavisisani kukaFrank noJerry. Ubuhlobo babo baqhawuka ngenxa yokulandela la manyathelo: (1) uJerry wayekhamisa atyhale, (2) uFrank wayenguphuma silwe nto leyo eyayimcaphukisa uJerry, (3) bobabini babengakwazi ukuzibamba, yaye (4) wayengekho ofuna ukuzithoba komnye.

Ekuhambeni kwexesha, la madoda omabini abuyela ezingqondweni. Akuphosa kwelokulibala ukuxabana kwawo aze axolelana. Ancedwa yintoni ukuze aphumelele? Ancedwa kukusebenzisa imigaqo encede abantu abaninzi bakwazi ukuphumelela nakwezona meko zinzima, aze nawo akwazi ukuba nobuhlobo obuluqilima emva koko.

Le migaqo yawancedayo inokufumaneka kweyona ncwadi isasazwa kakhulu ehlabathini—iBhayibhile. Isikhuthaza ukuba sihlakulele ukuba noxolo size sivale amanxeba ngeempawu ezinjengokuqonda, ububele, uthando, nomonde.—IMizekeliso 14:29; 1 Korinte 13:4, 5.

 UFrank noJerry bayimizekelo nje emibini ebonisa amandla eBhayibhile okutshintsha ubomi babantu. Mininzi neminye imizekelo yabantu abathi bakwazi ukoyisa nakwezona meko zinzima. Ngokomzekelo, uRobert, ohlala eOstreliya wayoyisa ingqumbo awayenayo. UNelson waseTimor-Leste wakulahla kwelokulibala ukucaphukela nokucekisa lowo wayesakuba lutshaba lwakhe waza wangumhlobo wakhe omkhulu. IBhayibhile yabanceda njani uRobert noNelson? UVukani! ukhe wadlan’ indlebe nabo.

UDLIWANO-NDLEBE 1

ROBERT, khawusithele thsuphe ngemvelaphi yakho.

Ndakhulela kwintsapho engonwabanga. Ngokomzekelo, utata wayeba nomsindo aze andibethe. Maxa wambi, wayekhe andishiye ndisopha yaye ndife isiqaqa. Ngenxa yoko nam ndaya ndisiba nomsindo yaye ndanogonyamelo. Xa ndandikwishumi elivisayo, ndachitha iminyaka emibini kwisikolo sokulungisa isimilo. Kamva, ndenza ityala elimasikizi elandenza ndaphetha ndisentolongweni. Xa ekugqibeleni ndakhululwayo, ndaya kuhlala eOstreliya, kuba ndifuna ukuqalisa impilo entsha.

URobert wakhula enomsindo nogonyamelo yaye wade waba sentolongweni kangangethutyana

Ngaba ukufuduka kwakunceda watshintsha?

Ayikokufuduka okwandinceda ndatshintsha, kodwa yiBhayibhile endandiyifunda namaNgqina kaYehova. Noko ke, ndandisasokola ukuwubamba umsindo wam, ibe kwakundikhathaza oko yaye ndiziva ndingento yanto. Kodwa ngenye imini ndafunda iMizekeliso 19:11 ethi: “Ingqiqo yomntu ngokuqinisekileyo imenza azeke kade umsindo, yaye kuyinto entle kuye ukukubetha ngoyaba ukunxaxha.” Ngenxa yokufuna ukuba nengqiqo, ndaqalisa ukucamngca ngokuba iimvakalelo, amazwi, nezenzo zam ziqulethe ntoni kanene. Okuvuyisayo kukuba ndaye ndatshintsha ngokuthe ngcembe ndaza ndanomonde yaye ndaxolela.

Ngaba ukho umzekelo ongathetha ngawo?

Ngenye imini ndakhe ndacaphukisa umhlobo wam ndingaqondanga, wandiphendula ngomsindokazi phambi kwabantu. Ndaziva ndihlazekile! Noko ke ndakhumbula icebiso leBhayibhile ‘lokungabuyiseli ububi ngobubi nakubani na’ yaye ndakhawuleza ndacela uxolo. (Roma 12:17) Xa waphelayo umsindo kumhlobo wam, ndaya kuye yaye njengoko sithetha sobabini ndafumanisa ukuba usokoliswa ziingxaki zentsapho. Saxolelana, yaye ekuhambeni kwexesha wandinika isilamba esihle njengesipho. Ndankwantya kukucinga ngento eyayinokwenzeka ukuba ndandisengula mntu wakudala.

Uzilungisa njani iingxaki zentsapho?

Mna nomfazi wam sinonyana oneminyaka eyi-20, yaye njengezinye iintsapho sinezethu iingxaki. Kodwa ndifunde lukhulu eBhayibhileni, kuquka ukubaluleka kokuthi “Ndicel’ uxolo.” Iyamangalisa indlela loo mazwi ayiphelisa ngayo ingxabano xa ethethwe kakuhle.

 UDLIWANO-NDLEBE 2

NELSON, unoncumo oluhle yaye unobubele. Kodwa ngaphambili wawunguphuma silwe. Yinyani leyo?

Ewe yinyani! Ndisengumfana ndazimanya neqela lezopolitiko elalingamxhasi urhulumente. Ndandilithiyile neqela lezopolitiko elalifuna ngamandla ukuphatha kwindawo endandihlala kuyo. Ukuze ndilwe ngcono, ndaqalisa ukufunda ikarati ndaza ndabetha nabani na ondicaphukisayo.

Esengumfana uNelson wazimanya neqela lezopolitiko elalingamxhasi urhulumente

Yintoni eyakwenza watshintsha?

Ndaqalisa ukufunda iBhayibhile nokwenza izinto endazifundayo, yaye ezimbini zazo zandichukumisa kakhulu. Eyokuqala yile: “Zonke izinto . . . enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mateyu 7:12) Eyesibini yile: “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” (Mateyu 22:39) Ndaye ndaqaphela ukuba la maNgqina ebendifundisa iBhayibhile ayebonisa kwaolu thando, kungakhathaliseki ukuba angawoluphi uhlanga. Ndandifuna ukuba njengawo. Okuvuyisa kakhulu kukuba ndaphumelela, kuba abantu abandazi kwakude kudala babemangalisiwe, yaye emva koko akakho owaphinda wandoyika kwakhona.

Ngaba wakhe waphinda wacaphuka?

Ewe, kodwa ndandingacaphuki phambi kwabantu. Kodwa ngamanye amaxesha ndandikhe ndoyiswe kukubamba umsindo ekhaya. Enyanisweni, ndakhe ndacaphuka ndaze ndabetha umfazi wam, kodwa ke ndazisola kakhulu kamva. Wandixolela ngobubele, yaye loo nto yandenza ndazimisela ukuzibamba xa ndinomsindo.

Ukhe wathi abantu abaninzi bayeka ukukoyika. Khawenze umzekelo.

Yinyani leyo. Ngenye imini ndadibana nelungu eliphambili lelaa qela lezopolitiko bendikhe ndathetha ngalo ekuqaleni, indoda egama linguAugusto. Ekuqaleni, wayenexhala. Kodwa ndambulisa ngobubele, ndaza ndamxelela ukuba silibale ngeengxabano zethu, ndammemela kwikhaya lam. Wasamkela isimemo sam yaye wayemangalisekile lutshintsho endalwenzayo kangangokuba waqalisa ukufunda iBhayibhile. Ngoku mna noAugusto asingobahlobo nje kuphela, kodwa singabazalwana.

 “Zamani Ukuba Noxolo Nabantu Bonke”

Izinto ezibangela ingxabano zininzi yaye azifani, ibe ayingabo bonke abantu abazithandayo iinzame zakho zokwenza uxolo. Yiyo loo nto iBhayibhile inikela eli cebiso liluncedo: “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”—Roma 12:18.

Abantu ekuthethwe ngabo kweli nqaku bangumzekelo wokuba ubulumko beBhayibhile busebenza ngokwenene yaye bunamandla ‘okubhukuqa’ izimo ezingalungelelananga zengqondo ukuba siyabuvumela. (2 Korinte 10:4) Ngokuphathelele obo bulumko iMizekeliso 3:17, 18, ithi: “Iindlela zabo ziyathandeka, nawo wonke umendo wabo uluxolo. Bungumthi wobomi kwabo babubambayo, nabo babubamba nkqi kuya kuthiwa banoyolo.”

UNelson noAugusto ngoku bangabahlobo abakhulu

Ngaba uyakufuna ukonwaba ngokwenene yaye ube seluxolweni? Awungethandi ukuba nobuhlobo obungayi kutshintsha xa kukho ukungaboni ngasonye? Ukuba ungathanda, awuyi kuphoxeka ukuba uvumela iBhayibhile ikubonise indlela yokubufumana.

^ isiqe. 3 Amagama atshintshiwe.