Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ngokwenene UThixo Uwakhathalele Amabhinqa?

Ngaba Ngokwenene UThixo Uwakhathalele Amabhinqa?

“Ngumfazi owonayo, yaye ngoku sonke siyafa ngenxa yakhe.”—INCWADI ENGAPHEFUMLELWANGA, YENKULUNGWANE YESIBINI NGAPHAMBI KWEXESHA ELIQHELEKILEYO.

“Uye [ibhinqa] wavulela umtyholi ithuba: ubangele [ibhinqa] ukuba kutyiwe kumthi owalelweyo: ungowokuqala [ibhinqa] ukwaphula umthetho wobuthixo . . . wonise [ibhinqa] indoda engumfanekiso kaThixo.”—UTERTULLIAN, ON THE APPAREL OF WOMEN, YENKULUNGWANE YESIBINI KWIXESHA ELIQHELEKILEYO.

EZI vesi azikho eBhayibhileni. Kangangeenkulungwane, bezisetyenziselwa ukuthethelela ukucalulwa kwamabhinqa. Unanamhla oku, abanye oofunz’ eweni basacaphula imibhalo yonqulo ukuze baxhase ukuphathwa kakubi kwamabhinqa, belilisela ngelokuba amabhinqa afanele abekwe ityala ngazo zonke iingxaki zoluntu. Ngaba ngokwenene uThixo wayefuna amabhinqa abe zizifologu zamadoda? Ithini iBhayibhile? Makhe sizivele.

Ngaba amabhinqa aqalekisiwe nguThixo?

Akunjalo. Endaweni yoko, ‘yinyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi’ ‘eyaqalekiswayo.’ (ISityhilelo 12:9; Genesis 3:14) Xa uThixo wathi uAdam wayeza ‘kumlawula’ umfazi wakhe, wayengathi uAdam makayigagamele inkosikazi yakhe. (Genesis 3:16) Kunoko, uThixo wayechaza imiphumo ebuhlungu eyayiza kubangelwa sisono ababesenzile.

Ngenxa yoko, ukuphathwa kakubi kwamabhinqa kungumphumo wesono umntu anaso, kungekhona intando kaThixo. IBhayibhile ayiyixhasi kwaphela ingcamango yokuba amabhinqa amele axhatshazwe ngamadoda ukuze kucanyagushelwe isono santlandlolo.—Roma 5:12.

Ngaba UThixo walidala ibhinqa langaphantsi Kune ndoda?

Akunjalo. IGenesis 1:27 ithi: “UThixo wamdala umntu ngokomfanekiso wakhe, wamdala ngokomfanekiso kaThixo; wadala indoda nebhinqa.” Ngoko ke, kwasekuqaleni, abantu—indoda nebhinqa—badalwa bakwazi ukuvelisa iimpawu uThixo anazo. Nangona uAdam noEva babenziwe bahluka ngomzimba nangeemvakalelo, bobabini banikwa imiyalelo efanayo yaye benamalungelo alinganayo phambi koMenzi wabo.—Genesis 1:28-31.

Ngaphambi kokuba uEva adalwe, uThixo wayethe: “Ndiza kumenzela [uAdam] umncedi oza kuba ngumphelelisi wakhe.” (Genesis 2:18) Ngaba igama “umphelelisi” lithetha ukuba ibhinqa lingaphantsi kune ndoda? Akunjalo, kuba eli gama lesiHebhere likwathetha “umncedi” okanye “ukuncedisa” indoda. Khawucinge ngogqirha kunye nomongikazi oncedisayo xa kusenziwa utyando. Ngaba ugqirha angawenza yedwa  loo msebenzi? Kungangenkankulu! Ngaba ngugqirha oyena mntu ubalulekileyo kuba inguye owenza utyando? Akunjalo. Ngokufanayo, uThixo wadala indoda nebhinqa ukuze basebenzisane, kungekhona ukuba bakhuphisane.—Genesis 2:24.

Yintoni Ebonisa Ukuba uThixo Uwakhathalele Amabhinqa?

Ebona kusengaphambili oko kwakuza kwenziwa yindoda enesono, uThixo wazichaza iindlela aza kuwakhusela ngazo amabhinqa. Ethetha ngoMthetho kaMoses, owaqalisa ukusebenza ngenkululngwane ye-16 ngaPhambi kweXesha Eliqhelekileyo, uLaure Aynard umbhali wencwadi ethi La Bible au féminin (IBhayibhile Ngabasetyhini), uthi: “Amaxesha amaninzi, xa umnqophiso woMthetho uthetha ngebhinqa, uyalikhusela.”

Ngokomzekelo, umnqophiso woMthetho uyalela ukuba bahlonelwe bobabini, umama notata. (Eksodus 20:12; 21:15, 17) Kwakhona wawufuna bacingelwe abafazi abakhulelweyo. (Eksodus 21:22) Nanamhlanje, le mithetho kaThixo isahamba yodwa xa ithelekiswa namalungelo abandezwa amabhinqa kumazwe amaninzi. Kodwa kukho okungakumbi.

UMthetho Obonisa Indlela UThixo Awajonga Ngayo Amabhinqa

UMthetho owanikwa uhlanga lakwaSirayeli nguYehova uThixo wanceda bonke abantu—amadoda namabhinqa—basempilweni, baziphatha kakuhle baza banolwalamano oluhle noThixo. Logama nje lwaluphulaphula yaye luthobela, olo hlanga lwaluza kuba “ngaphezu kwazo zonke ezinye iintlanga zomhlaba.” (Duteronomi 28:1, 2) Babenayiphi indima abafazi phantsi koMthetho? Khawuhlolisise ezi nkalo zilandelayo.

1. Inkululeko elalinayo. Ngokwahlukileyo kumabhinqa ezinye iintlanga zamandulo, ibhinqa elingumSirayeli lalinenkululeko. Nangona indoda yayinikwe indima yokuba yintloko yekhaya, umfazi owayethenjwa ngokupheleleyo yindoda yakhe, ‘wayecinga ngentsimi aze ayizuze’ yaye ‘wayetyala isidiliya.’ Ukuba wayenabo ubuchule bokusonta nokuluka, wayekwazi  ukuvula elakhe ishishini. (IMizekeliso 31:11, 16-19) KuMthetho kaMoses amabhinqa ayenamalungelo.

KuSirayeli wamandulo, amabhinqa ayekhululekile ukuba azakhele ubuhlobo noThixo. IBhayibhile ithetha ngoHana, owathandaza kuThixo waza wenza nesifungo. (1 Samuweli 1:11, 24-28) Ibhinqa lesixeko saseShunem lalidla ngokuya kuthetha nomprofeti uElisha ngeemini zeSabatha. (2 Kumkani 4:22-25) Amabhinqa anjengoDebhora noHulida, akhethwa nguThixo ukuba abe ngabagwebi okanye abaprofetikazi. Okubangel’ umdla, kukuba amadoda aziwayo nababingeleli babekulungele ukuya kucela icebiso kula mabhinqa.—ABagwebi 4:4-8; 2 Kumkani 22:14-16, 20.

2. Imfundo. Ekubeni nawo ayebandakanyekile kumnqophiso woMthetho, amabhinqa ayebakho xa kufundwa uMthetho ukuze aphulaphule, nto leyo eyayiwavulela ithuba lokuba afunde. (Duteronomi 31:12; Nehemiya 8:2, 8) Ayefumana noqeqesho ukuze akwazi ukuba nenxaxheba kwiinkalo ezithile zonqulo. Ngokomzekelo, amanye amabhinqa ‘ayekhonza’ emnyangweni wentente yokuhlangana, ngoxa amanye ayesekwayareni kunye namadoda.—Eksodus 38:8; 1 Kronike 25:5, 6.

Mandulo kwaSirayeli amabhinqa ayeshishina

Amanye amabhinqa ayenolwazi nobuchule bokuqhuba ishishini eliphumelelayo. (IMizekeliso 31:24) Ngokwahlukileyo kwezinye iintlanga zelo xesha—apho yayiba ngutata kuphela owayefundisa oonyana bakhe—umfazi ongumSirayeli wayencedisa ekufundiseni abantwana abangamakhwenkwe de babe badala. (IMizekeliso 1:8; 31:1) Licacile elokuba amabhinqa amandulo akwaSirayeli ayefundile.

3. Intlonipho. IMithetho Elishumi yatsho ngokucacileyo yathi: “Beka uyihlo nonyoko.” (Eksodus 20:12) Kwimizekeliso kaKumkani uSolomon owayesisilumko, sifunda oku: “Yiphulaphule, nyana wam, ingqeqesho kayihlo, ungawushiyi umthetho kanyoko.”—IMizekeliso 1:8.

EMthethweni kwakukho iinkcukacha ngendlela yokuziphatha phakathi kwabantu abangatshatanga,  ezibonisa ukuhlonitshwa komntu obhinqileyo. (Levitikus 18:6, 9; Duteronomi 22:25, 26) Indoda elungileyo kwakufuneka iqonde ukuba inkosikazi yayo inezinto engenakukwazi ukuzenza ngenxa yendlela edalwe ngayo.—Levitikus 18:19.

4. Ilungelo lokukhuselwa. KwiLizwi lakhe, uYehova uzichaza ‘njengoYise wamakhwenkwe engenayise nomgwebi wabahlolokazi.’ Ngamany’ amazwi, wayenguMkhuseli wamalungelo abo bangenabayeni okanye ootata. (INdumiso 68:5; Duteronomi 10:17, 18) Ngesinye isihlandlo uYehova wangenelela xa omnye umhlolokazi womprofeti waphathwa kakubi ngumntu obolekisayo. UYehova wenza ummangaliso ukuze alondoloze loo mhlolokazi ukuze ahlale enesidima.—2 Kumkani 4:1-7.

Ngaphambi kokuba amaSirayeli angene kwiLizwe lesiThembiso, enye intloko-ntsapho egama linguTselofehadi yafa ingenaye unyana. Ngenxa yoko, iintombi zayo ezintlanu zacela kuMoses ukuba zinikwe “ilifa” kwiLizwe lesiThembiso. Kodwa, uYehova wenza okungakumbi kunesicelo sazo. Wathi kuMoses: ‘Zinike ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulidlulisele kuzo ilifa likayise.’ Ukususela ngelo xesha ukuya phambili, amabhinqa akwaSirayeli afumana ilifa looyise awayenokulidlulisela kwinzala yawo.—Numeri 27:1-8.

Ukugqwethwa Kwendlela UThixo Awajonga Ngayo Amabhinqa?

Phantsi koMthetho kaMoses, amabhinqa ayephathwa ngembeko, yaye amalungelo awo ayehlonitshwa. Noko ke, ukususela ngenkulungwane yesine ngaPhambi kweXesha Eliqhelekileyo ukuya phambili, ubuYuda baphenjelelwa ngamaGrike, awayewajongela phantsi amabhinqa.—Funda ibhokisi enomxholo othi “Ukucalulwa Kwamabhinqa Kwiincwadi Zamandulo.”

Ngokomzekelo, imbongi engumGrike uHesiod (wenkulungwane yesibhozo ngaPhambi kweXesha Eliqhelekileyo) yabek’ ityala amabhinqa ngazo zonke iingxaki ezithwaxa uluntu. Kwincwadi yakhe ethi Theogony, uthetha “ngohlanga lwamabhinqa olubangela inkathazo phakathi kwamadoda.” Yathandwa gqitha le ngcamango ngamaYuda ngenkulungwane yesibini ngaPhambi kweXesha Eliqhelekileyo. ITalmud, eyaqaliswa ukubhalwa ngenkulungwane yesibini kwiXesha Eliqhelekileyo ukuya phambili, yawalumkisa yathi amadoda: “Musani ukuncokola kakhulu namabhinqa, njengoko ukwenjenjalo kuya kunikhokelela ekuziphatheni kakubi.”

Ukutyhubela iinkulungwane, oku kugqwaliswa kwamabhinqa kwaya kukhula phakathi kwamaYuda. Ngemihla kaYesu, ayengavunyelwa ukuba agqithe kwiNtendelezo Yabafazi. Kwizindlu zesikhungu amabhinqa ayehlala wodwa, kwaye yayingamadoda abona bantu babefundiswa. ITalmud icaphula omnye uRabhi  esithi: “Nabani na ofundisa intombi yakhe iTorah [uMthetho] akayazi into ayenzayo.” Ngokugqwetha indlela uThixo awajonga ngayo amabhinqa, iinkokeli zonqulo zamaYuda zabethelela emadodeni ingcamango yokuwajongela phantsi amabhinqa.

Xa wayelapha emhlabeni uYesu wayibona le mpatho, neyayendele nzulu kwizithethe zamaYuda. (Mateyu 15:6, 9; 26:7-11) Ngaba ezo mfundiso zayiphembelela indlela awayewaphatha ngayo amabhinqa? Singafunda ntoni thina kwindlela awayewaphatha ngayo nakwisimo sakhe sengqondo? Ngaba ubuKristu bokwenyaniso buye bazisa isiqabu kubantu basetyhini? Inqaku elilandelayo liza kuyiphendula le mibuzo.