Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UThixo Uwaphatha Ngembeko Nangesidima Amabhinqa

UThixo Uwaphatha Ngembeko Nangesidima Amabhinqa

XA WAYELAPHA emhlabeni, uYesu wabuxelisa ngokugqibeleleyo ubuntu bukaYise ngendlela awayezenza ngayo izinto. Wathi: “Andenzi nto ngokwam; kodwa ndizithetha ezi zinto kanye njengoko uBawo wandifundisayo . . . Ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo kuye.” (Yohane 8:28, 29; Kolose 1:15) Ngoko, xa siqwalasela indlela uYesu awayewaphatha ngayo amabhinqa, oko kusenza siqonde indlela uThixo awajonga ngayo noko akulindeleyo kuwo.

Ngokuphathelele iingxelo zeVangeli, uninzi lwabafundi lwaphawula ukuba indlela uYesu awayewajonga ngayo amabhinqa yayahluke mpela kwindlela awayejongwa ngayo ngexesha lokubhalwa kwazo. Yayahluke njani? Ukongezelela, ngaba iimfundiso zakhe zisawenza azive ekhululekile nanamhlanje?

Indlela UYesu Awayewaphatha Ngayo Amabhinqa

UYesu akazange awajonge ngendlela ethob’ isidima, njengabantu bokwanelisa isini. Ezinye iinkokeli zamaYuda zazinembono yokuba, ukuba kunye nomntu wesinye isini kwakunokuvuselela inkanuko. Ekubeni amabhinqa  ayegqalwa njengabahendi, ayengavunyelwa ukuba athethe namadoda esidlangalaleni okanye ahamba-hambe engazigqumanga ubuso. Kwelinye icala, uYesu waluleka amadoda ukuba azeyise ngakwiminqweno yenyama aze aphathe amabhinqa ngesidima kunokuba azinxweme kuwo—Mateyu 5:28.

UYesu wongezelela wathi: “Nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe aze atshate nomnye uyakrexeza ngokunxamnye naye.” (Marko 10:11, 12) Ngaloo ndlela wayigatya ngokupheleleyo imfundiso yoorabhi eyayivumela amadoda ukuba aqhawule umtshato nabafazi bawo “nangasiphi na isizathu.” (Mateyu 19:3, 9) Ingcamango yokukrexeza nxamnye nomfazi yayintsha kwinkoliso yamaYuda. Oorabhi babefundisa ukuba indoda ayinakukrexeza nxamnye nomfazi wayo—kunoko ngumfazi kuphela onokungathembeki! Omnye umhlalutyi weBhayibhile uthi: “Xa uYesu wabekela amadoda nabafazi imilinganiselo yokuziphatha efanayo, wayephakamisa amabhinqa ngaloo ndlela ewaphatha ngesidima.”

Ifuthe leemfundiso zakhe kule mihla: Kwibandla lamaNgqina kaYehova, amabhinqa ancokola ngokukhululekileyo namadoda. Sekunjalo, awanaxhala lokuziva engakhululekanga xa ekunye nawo kuba amadoda angamaKristu akuphaphele ukuphatha ‘abafazi abakhulu njengoonina, amabhinqa amancinane njengoodade wabo benobunyulu bonke’1 Timoti 5:2.

UYesu wazipha ixesha lokufundisa amabhinqa. Ngokungafaniyo nembono yoorabhi eyayisenza amabhinqa azive engahoywanga, uYesu wawafundisa waza wawakhuthaza ukuba aveze iimbono zawo ngokukhululekileyo. Ngokungabandezi uMariya ithuba lokufundiswa, uYesu wabonisa ukuba isahlulo samabhinqa ayikokuqukeza nje kuphela esenza imisebenzi yekhaya. (Luka 10:38-42) UMariya udad’ boMarta naye wancedakala kwiimfundiso zikaYesu njengoko iimpendulo zakhe ezikrelekrele ezingokufa kukaLazaro zibonisa.—Yohane 11:21-27.

Indlela awayecinga ngayo amabhinqa yayixabisekile kuYesu. Ngexesha uYesu wayephila emhlabeni, uninzi lwabafazi bamaYuda babekholelwa ukuba ukuze bonwabe babemele babe nonyana ukuba kunokwenzeka abe ngumprofeti. Xa omnye umfazi wadanduluka wathi: “Sinoyolo isibeleko esakuthwalayo!” UYesu waxhakamfula elo thuba waza wambonisa into eyayilunge ngakumbi. (Luka 11:27, 28) Wambonisa ukuba ukuthobela uThixo kulunge ngakumbi ngaloo ndlela embonisa okungaphaya kwendima eqhelekileyo yabafazi.—Yohane 8:32.

Ifuthe leemfundiso zakhe kule mihla: Abo bafundisayo kwibandla lamaKristu bayakuxabisa ukuba nenxaxheba kwamabhinqa kwiintlanganiso zebandla. Bayazihlonela iinkondekazi ngenxa “yokuba zingabafundisi bokulungileyo,” nangomzekelo eziwumiselayo naxa sele  zingabonwa. (Tito 2:3) Bathembele kuwo ukuze kushunyayelwe iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.—INdumiso 68:11; funda ibhokisi enomxholo othi  “Ngaba Umpostile UPawulos Wabalela Abafazi Ukuba Bathethe?” ekwiphepha 9.

UYesu wayewakhathalele amabhinqa. Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, iintombi zazingaxatyiswa njengoonyana. ITalmud ithi: “Unoyolo ozele oonyana kodwa yeha! Kulowo uzele iintombi.” Abanye abazali babekujonga njengoxanduva ukuba nomntwana oyintombazana—kuba kwakuza kufuneka bamfunele umyeni baze bakhuphe ikhazi, kwaye babengenakuxhomekeka kuye xa sele bekhulile.

UYesu wabonisa ukuba ubomi bentombazana babubaluleke njengobo benkwenkwe. Wavusa intombi kaYayiro, kanye njengokuba wayevuse unyana womhlolokazi waseNayin. (Marko 5:35, 41, 42; Luka 7:11-15) Emva kokuphilisa umfazi “onobuthathaka kangangeminyaka elishumi elinesibhozo,”uYesu wambiza ngokuthi “yintombi ka Abraham,” ibinzana elalingaziwa kwimibhalo yamaYuda. (Luka 13:10-16) Ngokusebenzisa la mazwi anobubele nanembeko, uYesu akazange amgqale lo mfazi njengaye nabanina kodwa wabonisa ukholo olukhulu awayenalo.—Luka 19:9; Galati 3:7.

Ifuthe leemfundiso zakhe kule mihla: EAsiya kukho intetho ethi: “Ukukhulisa intombi kufana nokunkcenkceshela igadi yommelwane.” Ootata abangamaKristu abaphenjelelwa seso simo sengqondo. Bayaqiniseka ukuba iintombi okanye oonyana babo bafumana imfundo esisiseko kunye nonyango olusemgangathweni.

UYesu wavava uMariya Magadala ngewonga lokuchazela abapostile ukuba uvukile

UYesu wayewathemba amabhinqa. Kwiinkundla zamaYuda ubungqina bebhinqa babufana nobekhoboka. Umbhali-mbali uJosephus, wenkulungwane yokuqala, wacebisa: “Makungathathwa nobuphi ubungqina bomntu obhinqileyo ngenxa yendlela enziwe ngayo.”

Ngokwahluke gqitha koko, uYesu wakhetha ukuba ibe ngamabhinqa avakalisa uvuko lwakhe. (Mateyu 28:1, 8-10) Nangona la mabhinqa anokholo abangamangqina okuzibonela ukungcungcuthekiswa kunye naxa yayingcwatywa iNkosi yawo, kwabanzima kubapostile ukuwakholelwa. (Luka 24:10, 11; Mateyu 27:55, 56, 61) Nakuba kunjalo, ngokubonakala kuqala kumabhinqa, uKristu owayevusiwe, wawagqala njengawayefaneleka ukunikela obo bungqina njengabanye abafundi.—Zenzo 1:8, 14.

Ifuthe leemfundiso zakhe kule mihla: Kwibandla lamaNgqina kaYehova, amadoda akhokelayo abonisa ulwazelelo kumabhinqa ngokuzisa iso izimvo zawo. Ngoxa bona abayeni  abangamaKristu ‘bewanika imbeko’ amakhosikazi abo ngokuwaphulaphula ngenyameko.—1 kaPetros 3:7; Genesis 21:12.

Imigaqo YeBhayibhile Iyongeza Kulonwabo Lwamabhinqa

Abo bathobela imigaqo yeBhayibhile bayawahlonipha yaye bawaphatha ngesidima amabhinqa

Xa amadoda exelisa uKristu, amabhinqa afumana imbeko nenkululeko, nto leyo eyayiyinjongo kaThixo kwasekuqaleni. (Genesis 1:27, 28) Kunokuba amadoda angamaKristu akhuthaze ukugaganyelwa kwamabhinqa, akhokelwa yimigaqo yeBhayibhile efak’ isandla kulonwabo lwamaqabane awo.—Efese 5:28, 29.

Xa u Yelena waqalisa ukufunda iBhayibhile, wayengonwabanga ngenxa yempatho-mbi yomyeni wakhe. Umyeni wakhe wayekhulele kwindawo eyayinobundlobongela neyayinesithethe sokuthwalwa kwamabhinqa. UYelena uthi: “Oko ndakufunda eBhayibhileni kwandomeleza. Ndaqonda ukuba kukho umntu ondithanda gqitha nondixabisileyo. Kwaye ndaqonda, ukuba umyeni wam wayenokufunda iBhayibhile wayenokuyitshintsha indlela andiphatha ngayo.” Umnqweno wakhe wafezeka xa umyeni, wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile waza kamva wabhaptizwa waba liNgqina likaYehova. UYelena uthi: “Waba ngumzekelo womntu okwaziyo ukuzibamba. Satsho sakwazi ukuxolelana ngokukhululekileyo.” Uqukumbela ngelithini? “Imigaqo yeBhayibhile yandinceda kakhulu, yandenza ndaziva ndifunwa, ndihoyiwe kwaye ndikhuselekile emtshatweni.”—Kolose 3:13, 18, 19.

Amava kaYelena awohlukanga kwawamanye amabhinqa. Izigidi zabafazi abangamaKristu ziyavuya kunye namadoda azo ngenxa yokuxhasana ekuzabalazeleni ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile emtshatweni. Zifumana intlonipho, intuthuzelo nenkululeko yokunxulumana namanye amaKristu.—Yohane 13:34, 35.

Amadoda namabhinqa angamaKristu bayazi ukuba njengabantu abanesono nabangafezekanga bayinxalenye yendalo kaThixo eye ‘yalulanyiselwa kokuphuthileyo.’ Sekunjalo, ngokusondela kuBawo onothando uYehova uThixo, banokuba nethemba lokuba kungekudala ‘baza kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala’ baze banandiphe “inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.” Ngenene eli themba liyamangalisa kokubini kumadoda nakumabhinqa ukuphathwa nguThixo ngembeko nangesidima!—Roma 8:20, 21.