Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngoku Ndiyamazi UThixo Endimnqulayo

Ngoku Ndiyamazi UThixo Endimnqulayo

Wayekho nomvangeli ekwakusithiwa unamandla okuphilisa. Wathi esakundichukumisa, ndawa phantsi ndaza andabikho zingqondweni, “ndiqukulwe ngumoya.” Ukubuyela kwam ezingqondweni, ndaziva ndinamandla okuphilisa endandiwafuna. Kwakutheni ukuze ndibe kule meko, yaye yabuchaphazela njani ubomi bam? Ngaphambi kokuba ndityatyadule, mandikuchazele ngemvelaphi yam.

NDAZALELWA eIlocos Norte, kwiPhilippines, ngoDisemba 10, 1968, ndingowesixhenxe kubantwana abasibhozo. Njengabanye abantu bakwiPhilippines, ndakhula ndingumKatolika. Ndapasa kwisikolo samabanga aphakamileyo ngowe-1986, yaye ndandinqwenela ukuba ngumongikazi. Noko ke, lo mnqweno waphelela emoyeni, kuba ndaye ndagula kakhulu. Ndandicinga ukuba ndiza kubhubha. Esi sigulo sandenza ndacela uThixo ukuba andincede ndaza ndamchazela, ukuba ndingaphila, ndingamkhonza ubomi bam bonke.

Ndathi ndakuphila, ndasikhumbula isithembiso endandisenze kuThixo. Ngenxa yoko, ngoJuni 1991, ndabhalisa kwisikolo seBhayibhile secawa Yomoya. Phakathi kwezinto ezazifundiswa kweso sikolo kuquka “ukufumaneka simahla kwesipho somoya oyingcwele.” Ndandifuna ukuba namandla okuphilisa. Safundiswa ukuba la mandla anokufumaneka ngokuzila ukutya nangokuthandaza. Ndifuna ukubonisa ukuba “ndinesiphiwo,” ngenye imini ndeva omnye endandifunda naye ethandaza ngasese ngexesha lokuthandaza. Xa wayesele eza kugqiba ukuthandaza, ndabuyela kwindawo yam. Emva, koko ndamchazela zonke izinto ebezithandazela, waza wakholelwa ukuba ngoku “ndinesiphiwo somoya!”

Ngoxa ndandifunda kwesi sikolo, ndandinentaphane yemibuzo. Ngokomzekelo, uMateyu 6:9 uthetha “ngoBawo” ‘negama’ lakhe. Ndabuza ukuba “Ngubani lo Bawo athetha ngaye uYesu?” nokuba “ligama likabani eli lifanele lingcwaliswe?” Abahlohli bam bandiphendula ngendlela engacacanga nenganelisiyo. Babethetha ngothixo oneziqu ezithathu oyinkohla. Ndasala ndididekile. Nangona ndandinganelisekanga, ndaqhubeka noqeqesho lwam lokuba ngumfundisikazi.

Ukudibana NamaNgqina KaYehova

Kwisikolo seBhayibhile safundiswa ukuba amaNgqina kaYehova afundisa izinto eziyingozi gqitha. Kwakusithiwa ngabachasi kristu. Ndawathiy’ egazini.

Kunyaka wam wesibini, ndaya kubona abazali bam ngeholide. Omnye udade wethu omkhulu, uCarmen, weva ukuba ndikho waza naye weza. Wayesele ebhaptiziwe, engumshumayeli osisigxina wamaNgqina kaYehova. Wathi esa kuzama ukundifundisa ngoThixo, ndaligqabi ngumsindo ndaza ndathi: “Ndiyamazi uThixo endimnqulayo!”  Ndamthuka, ndamtyhalela kude andamvumela ukuba aphinde athethe.

Emva kokuba ndibuyele esikolweni, uCarmen wandithumelela incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye? * Ndayishwabanisa ndayiphosa emlilweni. Ndandisacaphukile.

Ukuhambela Phambili Kubizo Lobufundisi

Xa ndandithweswa isidanga sobufundisi

Njengoko ndandiqhubeka nezifundo zam kwisikolo seBhayibhile, bakho abantu endaye ndabaguqula. Ndaziva ndinelunda ngokukodwa xa umama nomntakwethu baye bandithelela.

NgoMatshi 1994, ndaphumelela kwisikolo seBhayibhile. Ekubeni bendisele nditshilo kwasekuqaleni, wayekho nomvangeli kwesi sihlandlo. Sonke singabafundi sasifuna ukuba secaleni kwakhe kuba sasikholelwa ukuba unesiphiwo sokuphilisa. Saya ngaphambili kunye naye, sixhumaxhuma siqhwaba sihamba nesingqi somculo. Umntu ngamnye awayemphatha wayesiwa phantsi, “equkulwa ngumoya.” * Wathi esakundichukumisa nam ndawa phantsi andabikho zingqondweni. Ndathi ndisakubuyela ezingqondweni, ndatyhwatyhwa kukoyika, kodwa ndeva ukuba ngoku ndinamandla okuphilisa, ndavuya ngokwenene.

Ngokukhawuleza emva koko, ndasebenzisa loo mandla ukuze ndiphilise intwazana eyayibanjwe ngumkhuhlane. Ndathi ndakuthandaza ngoko nangoko umntwana waqalisa ukubila waza waphila qete. Ekugqibeleni, ndavuya kuba ndiye ndasizalisekisa isithembiso endandisenze kuThixo. Umnqa kukuba ndaziva ndilihamte. Ndandikholelwa ukuba mnye kuphela uThixo, kodwa ndandingamazi ukuba ungubani. Kwakhona, ndandizithandabuza iimfundiso ezininzi zecawa.

Ndasebenzisa loo mandla ukuze ndiphilise intwazana eyayibanjwe ngumkhuhlane

Izinto Ezatshintsha Indlela Endicinga Ngayo

Emva kwezo ziganeko, ndawathiya ngakumbi amaNgqina kaYehova. Ndandizitshisa iincwadi zawo xa ndiye ndazifumana. Ngenye imini kwenzeka into engalindelekanga. Ndothuka ndabanda ndisakufumanisa ukuba umama akasayifuni inkonzo yethu. UCarmen wayefunda naye iBhayibhile. Ndayicaphukela gqitha le nto yenziwe ngudade wethu.

Emva koko, ndafumana iphephancwadi uVukani! endlini kaMama. Ngokuqhelekileyo ndandizitshisa ezi ncwadi. Kuba ndifuna ukwazi ukuba yintoni le wayeyifunda, ndayiphenya. Ndabona inqaku elithetha ngomntu owayekholelwa ngokungagungqiyo koko kufundiswa yicawa. Noko ke, wathi esakuqalisa ukufunda iincwadi zamaNgqina neBhayibhile, waqonda ukuba imfundiso yothixo oneziqu ezithathu, isihogo somlilo nokungafi komphefumlo zazingaxhaswa zizibhalo. Ndachukumiseka. Ezi yayizizinto endandifuna ukuziqonda. Ukususela ngoko, ndanqwenela ukuqonda inyaniso eseBhayibhileni.

 Emva kokuba ndifunde elinye ibali lobomi kwiphephancwadi uVukani! Lo mntu owayeyindla manzi nengedle yeziyobisi owaye wahlukana nalo mikhwa emva kokuba efunde iBhayibhile. Ndaqalisa ukuzifunda ngakumbi iincwadi zamaNgqina. Ndafumana incwadana enemifanekiso ethi Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade. * Emva kokuba ndiyifundile ndafumanisa ukuba igama likaThixo nguYehova. Kwandivuyisa gqitha ukufunda inyaniso ngokuphela koThixo wenyaniso!—Duteronomi 4:39; Yeremiya 10:10.

Kwandivuyisa gqitha ukufunda inyaniso ngokuphela koThixo wenyaniso

Ndaqhubeka ndizifunda ngokufihlakeleyo iinyaniso ezininzi zeBhayibhile. Ngokomzekelo, esikolweni ndandifundiswe ukuba uYesu nguThixo, kodwa ngoku ndafunda eBhayibhileni ukuba “unguNyana woThixo ophilayo.”—Mateyu 16:15, 16.

Ukuguquka

Ukudibana kwam noCarmen kwakhona, akazange akholelwe xa ndacela ukuba andinike incwadana enemifanekiso ethi Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, nolunye uncwadi. Ndachitha iminyaka emininzi kwisikolo seBhayibhile, kodwa andizange ndifundiswe inyaniso kunoko ndamfanyekiswa. Ngoku ndiyavuya ngenxa yeenyaniso endizifunda eBhayibhileni. Ndawaqonda kakuhle amazwi kaYesu athi: “Niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:32) Ezo nyaniso zazibutshintsha ubomi bam.

Ezi nyaniso zazibutshintsha ubomi bam

Ekuqaleni, ndandicinga ukuba ndingamkhonza uYehova uThixo ngasese ngoxa ndiqhubeka ndingumfundisikazi. Ndakhawuleza ndabona ukuba andinakukwazi ukufundisa iimfundiso ezininzi zecawa. Sekunjalo, Ndandisoyika. Ndandiza kuzixhasa ngantoni ukuba ndiyayeka ukuba ngumfundisi? Yayiza kuhlazeka gqitha icawa ukuba omnye wabefundisi bayo uba liNgqina likaYehova! Ndaqhubeka ndingumfundisi, qha ndaphepha iimfundiso zobuxoki.

UPrecious ufunda iBhayibhile nam

Ukudibana kwam nodade wethu uCarmen kwakhona, wandicebisa ukuba ndiye kwintlanganiso yamaNgqina kaYehova. Ekubeni ndandidla ngokuya emishini ekwisiXeko saseLaoag, kodwa ngoku ndakhangela inkonzo yamaNgqina ngokufihlakeleyo. Ndadityaniswa noPreciosa Villarin xa lishunqulelwa igama lakhe ubizwa ngokuba “nguPrecious,” umshumayeli osisigxina kwela bandla. Nangona ndandingekawaginyi ncam amaNgqina, ndasivuma isicelo sakhe sokundifundisa iBhayibhile.

Udade wethu wayenomonde gqitha xa wayendifundisa iBhayibhile. Naye uPrecious wayenomonde. Wandinceda ndayiqonda iBhayibhile, nangona ndandidla ngokuba  nomsindo, ndixambulisana naye. Ndandide ndiphakamise nelizwi maxa wambi, ndimela izinto endandizifundiswe esikolweni. Wandichukumisa gqitha umdla, ukuthobeka nobulali bukaPrecious namanye amaNgqina. Oku kwandenza ndafuna ukunqula uYehova.

NgoJulayi 1995, ndaqonda ukuba akukho ndlela mbini kuza kufuneka ndiyeke ukuba ngumfundisikazi. Ngoba? ISityhilelo 18:4 sithetha ngonqulo lobuxoki ngokufuziselayo sisithi: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningabelani nayo ngezono zayo, nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.” Kuthekani ngomvuzo endandiwufumana ngokuba ngumfundisikazi? AmaHebhere 13:5 andifundisa ukuba, ukuba ndenza ukuthanda kukaThixo, uthembisa oku: ‘Akayi kuze andishiye, engenakuze andityeshele.’

Xa sasibhaptizwa nomama

Umntakwethu omkhulu notata bandichasa kanobom, kwisithuba seveki ezimbini ngaphambi kokuba ndibhaptizwe. Ndaqweba isibindi ndaya ekhaya ndaza ndatshisa zonke izinto endandizisebenzisa xa ndandingumfundisikazi. Ndaqonda ukuba, amandla okuphilisa endandinawo ngaphambili ayengasekho. Kwixa elidluleyo ndandicinezelwa yinto ethile xa ndilele. Ndandingasayiva nayo loo nto. Imithinzi endandidla ngokuyibona endlini yam yanyamalala. EBhayibhileni ndafunda ukuba naziphi na iziphiwo namhlanje, njengamandla okuphilisa, aziveli kuThixo kodwa zivela koomoya abangendawo. Ndiyavuya kuba ndohlukana nempembelelo yayo, kanye njengesicakazana ‘esasinedemon yokuvumisa’ esancedwa nguPawulos.—IZenzo 16:16-18.

Ndingumshumayeli osisigxina wamaNgqina kaYehova

Ndandivuya ngokwenene njengoko sasibhaptizwa nomama ngoSeptemba 1996. Emva kokuba ndibhaptiziwe, ndaba ngumshumayeli osisigxina wamaNgqina kaYehova yaye ndiye ndanandipha iminyaka emininzi kule nkonzo.

Ngoku nditshate nomyeni wam, uSilver. Sobabini siwa sivuka siqeqesha intombi yethu ngenyaniso yeBhayibhile. Nabanye abantwana basekhaya bakhonza uYehova kunye nathi. Ndibuhlungu kuba ndiye ndachitha iminyaka emininzi ndingamazi uThixo, kodwa ngoku ndivuya gqitha kuba ndiyamazi uThixo endimnqulayo.

Ndikunye nomyeni wam, intombi yethu nezalamane zam ezininzi eziye zasithelela kunqulo lokwenyaniso

^ isiqe. 10 Yayipapashwa ngamaNgqina kaYehova kodwa ngoku ayisashicilelwa.

^ isiqe. 13 “Ukuqukulwa ngumoya” kubhekiselwa kwinto edla ngokwenzeka kwezinye iicawa ekukholelwa ukuba xa “umoya” ufikela amakholwa uwakhahlela phantsi.

^ isiqe. 18 Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.