Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Fundisa Abantwana Bakho

UGehazi Wachanwa Kukubawa

UGehazi Wachanwa Kukubawa

NGABA wakha wayifuna ngamehlo abomvu into? *Ukuba kunjalo, uyafana nabanye abantu. Kodwa ngaba ufanele uzame ukufumana loo nto uyifunayo ngokuxoka?— Hayi, awufanele uyenze loo nto. Umntu owenza loo nto uyabawa. Makhe sibone ukuba indoda ekuthiwa nguGehazi yachanwa njani kukubawa. Wayesisicaka sikaElisha, umprofeti woThixo oyinyaniso, uYehova.

UElisha noGehazi babephila kwiminyaka emininzi eyadlulayo, malunga neminyaka eliwaka ngaphambi kokuba kuzalwe uNyana kaThixo uYesu apha emhlabeni. UYehova wasebenzisa uElisha ukuze enze izinto ezinkulu—imimangaliso! Ngokomzekelo, iBhayibhile isixelela ngendoda ebalulekileyo kumkhosi waseSiriya eyayinesifo seqhenqa. Akakho umntu owayenokuyinyanga ngaphandle kukaElisha.

Xa UElisha esetyenziswa nguThixo ukuba aphilise abantu, wayengabhatalwa. Ngaba uyasazi isizathu?— Kungenxa yokuba wayesazi ukuba loo mimangaliso yayisenziwa nguThixo kungekhona yena. Emva kokuba ephilisiwe uNahaman, wavuya gqitha kangangokuba wayefuna ukupha uElisha izipho zegolide nempahla entle. UElisha akazange avume, kodwa yena uGehazi wayezifuna gqitha ezi zipho.

Emva kokuba ehambile uNahaman, uGehazi waya kuye engakhange amxelele uElisha. Ngaba uyayazi into eyathethwa nguGehazi kuNahaman, esakumfumana— Wathi: ‘UElisha uthi mandize kukuxelela ukuba kufike iindwendwe  ezimbini. Uthe ucela umnike izipho ezibini ukuze azinike loo madoda.’

Kodwa yayibubuxoki obo. Wathetha obo buxoki kuba wayefuna impahla uNahaman awayefuna ukuyinika uElisha. NoNahaman wayengalazi eli gumgedle. Wamnika ezi zipho uGehazi. UNahaman wamnika izinto ezingaphezulu kwezo azicelileyo uGehazi. Ngaba uyayazi into eyenzeka emva koko?

Emva kokuba uGehazi ebuyele ekhaya, uElisha uyambuza ukuba: ‘Ubuye phi?’

UGehazi waphendula wathi ‘andikhange ndiye ndawo.’ Noko ke, uYehova wamchazela uElisha oko kwenzekileyo. UElisha uthi: ‘Eli asiloxesha lokwamkela imali nempahla!’

UGehazi uthathe imali nempahla engeyoyakhe. UThixo wabangela ukuba iqhenqa likaNahaman libe kuGehazi. Ucinga ukuba yintoni esinokuyifunda kweli bali— Enye into elisifundisa yona kukuba asimele sithethe izinto ezingeyonyani.

Kwakutheni ukuze uGehazi ayile eli bali?— Kungenxa yokuba wayebawa. Wayefuna izinto ezingezozakhe, yaye wazama ukuzifumana ngokuthetha ubuxoki. Ngenxa yobu buxoki waba nesifo esamgulisa ubomi bakhe bonke.

Ngokwenene, uGehazi wabandezeleka ngakumbi kunokuba neqhenqa. Ngaba uyayazi loo nto?— Akazange akholiswe nguye uThixo, wayeka ukumthanda. Ngamana singangaze senze into eya kwenza ayeke ukusithanda uThixo. Kunoko, masibe nobubele sikulungele ukwabelana nabanye ngezinto esinazo.

Funda eBhayibhleni yakho

^ isiqe. 3 Ukuba ufunda nomntwana isikhewu senzelwe ukuba aphendule.