Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | ITHETHA NGANTONI IBHAYIBHILE?

Kutheni Umele Ube Nomdla EBhayibhileni?

Kutheni Umele Ube Nomdla EBhayibhileni?

IBhayibhile yeyona ncwadi ixhaphakileyo ehlabathini. Kutheni sisitsho nje? Kulula ukuyiqonda. Ineengxelo zobomi babantu bokwenene nendlela ababesebenzisana ngayo noThixo. Ezi ngxelo zisifundisa ngamazwi alula nangqalileyo anokuguqulelwa ngeelwimi ezininzi aze aqondwe ngabantu beendawo zonke. Imigaqo yeBhayibhile isoloko isebenza.

Eyona nto ibalulekileyo kukuba iBhayibhile ithi asiyoncwadi nje ethetha ngoThixo kodwa ­ivela kuye. Ichaza igama likaThixo, ubuntu bakhe nokuba injongo awayenayo xa wayedala umhlaba nabantu ayitshintshi. Kwakhona ithetha ngebali lakudala lomlo phakathi kokulungileyo nokubi: ibali lendalo iphela eliya kuba nesiphelo esihle. Ukuba ufunda iBhayibhile ngaphandle kokugxeka, uya kukholelwa kuyo uze ube nethemba.

IBhayibhile inenkcazelo ongasoze uyifumane naphi na. Ngokomzekelo, isixelela inyaniso ngemibandela efana nale:

  • Sivela phi yaye kutheni sisezintlungwini kangaka

  • Ilungiselelo likaThixo lokukhulula uluntu

  • Oko uYesu asenzele kona

  • Ikamva lomhlaba nabantu

Kutheni ungakhe ufunde la maphepha alandelayo uze uve ukuba yintoni ngokwenene ethetha ngayo iBhayibhile?