Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | ITHETHA NGANTONI IBHAYIBHILE?

UThixo Uza Kulukhulula Uluntu

UThixo Uza Kulukhulula Uluntu

UThixo wathembisa uAbraham othembekileyo ukuba ‘imbewu’ ekwaprofetwa ngayo yayiza kuphuma kwinzala yakhe. Abantu bazo “zonke iintlanga” babeza kusikelelwa ngaloo mbewu. (Genesis 22:18) Ekuhambeni kwexesha umzukulwana ka-Abraham, uYakobi, wafudukela eYiputa, apho intsapho yakhe yakhula yaba luhlanga lukaSirayeli wamandulo.

EYiputa, uFaro okhohlakeleyo wawakhobokisa amaSirayeli de uThixo wamisela umprofeti uMoses, owakhokela olo hlanga xa lwaluphuma kwelo lizwe, ngommangaliso esahlula phakathi amanzi oLwandle Olubomvu. Emva koko, uThixo wanika amaSirayeli imithetho, eyayiquka iMithetho Elishumi, eyayiza kuwakhokela ize iwakhusele. Loo mithetho yachaza iminikelo yokuxolelwa kwezono. Ephefumlelwe nguThixo, uMoses waxelela amaSirayeli ukuba uThixo wayeza kuwathumelela omnye umprofeti. Loo mprofeti wayeza kuba ‘yimbewu’ eyayithenjisiwe.

Kwiminyaka engaphezu kweyi-400 kamva, uThixo wathembisa uKumkani uDavide ukuba lowo uzayo, ‘imbewu’ ekwaprofetwa ngayo e-Eden, wayeza kuba ngumlawuli wobukumkani obabuza kubakho ngonaphakade. Lowo yayiza kuba nguMesiya, uMhlanguli owamiselwa nguThixo ukuba asindise uluntu aze abuyisele iParadesi emhlabeni.

Esebenzisa uDavide nabanye abaprofeti, ngokuthe ngcembe uThixo wathetha okuninzi ngoMesiya. Bathi wayeza kuthobeka, abe nobubele, yaye xa elawula, indlala, okungekho sikweni neemfazwe ziya kuphela. Lonke uluntu luya kuhlalisana ngoxolo, nkqu nezilwanyana. Ukugula, iintlungu nokufa—ezazingeyonjongo kaThixo—aziyi kubakho, yaye abafileyo baya kuvuswa.

Esebenzisa umprofeti uMika, uThixo wathi uMesiya wayeza kuzalelwa eBhetelehem, waza waprofeta nangoDaniyeli esithi wayeza kubulawa. Kodwa uThixo wayeza kumvusa aze ammisele njengoKumkani wasezulwini. Kwakhona uDaniyeli waprofeta esithi, ekugqibeleni uBukumkani obungoMesiya babuza kubasusa bonke oorhulumente abakhoyo buze bona bume ngonaphakade. Ngaba ngokwenene uMesiya wafika njengoko kwakuprofetiwe?

Lithatyathwe kwiGenesis isahluko 22-50, nakwiEksodus, kwiDuteronomi, kweyesi-2 kaSamuweli, kwiNdumiso, kuIsaya, kuDaniyeli, kuMika nakuZekariya 9:9.