Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | ITHETHA NGANTONI IBHAYIBHILE?

Sabakho Njani Apha?

Sabakho Njani Apha?

Ngamazwi nje amafutshane, incwadi yokuqala yeBhayibhile, iGenesis, ichaza indlela eyaqala ngayo indalo yonke: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Emva kokuba uThixo edale izityalo nezilwanyana, wadala abantu bokuqala, uAdam noEva. Bona babengafani nezilwanyana kuba abantu banomlinganiselo weempawu zikaThixo, kuquka inkululeko yokuzikhethela. Ngoko, babeza kuphendula ngezenzo zabo. Ukuba babethobele imiyalelo kaThixo, babeza kuba ngabazali bokuqala bentsapho yabantu eyayiza kuphila ngoxolo emhlabeni yaye ifezekile ngonaphakade.

Noko ke, enye ingelosi, okanye isidalwa somoya, sabasebenzisela injongo yaso engafanelekanga. Saba nguSathana, gama elo elithetha “Umchasi.” Esebenzisa inyoka, uSathana wakhohlisa uEva emxelela ukuba angonwaba ngakumbi ngaphandle kokwalathiswa nguThixo. UAdam noEva balandela uSathana, bamshiya uMenzi wabo. Ngenxa yolo khetho lwabo lungafanelekanga, abazali bethu bokuqala baphulukana nobomi obungunaphakade baza badlulisela isono, ukungafezeki nokufa kuyo yonke inzala yabo.

Ngoko nangoko, uThixo wavakalisa injongo yakhe yokulungisa lo monakalo waza wavulela inzala ka-Adam indlela yokufumana ubomi obungunaphakade. Wathi ‘imbewu’—umntu okhethekileyo—ekugqibeleni yayiza kumtshabalalisa uSathana ize iphelise zonke iintlungu ezibangelwe nguSathana, uAdam noEva. (Genesis 3:15) Yayiza kuba ngubani ke loo ‘mbewu’? Yayiza kuvela ekuhambeni kwexesha.

Ngoxa ibisalindelwe, uSathana ebesoloko ezama ukuyithintela loo njongo kaThixo intle. Isono nobungendawo banda okomlilo wedobo. UThixo wazimisela ukubatshabalalisa abo bangendawo ngomkhukula. Wayalela uNowa olilungisa ukuba akhe umkhombe—ibhokisi enkulu edada emanzini—ukuze asindise yena nentsapho yakhe, kunye nezilwanyana awamyalela ukuba azifake kuloo mkhombe.

Kwisithuba esingangonyaka emva kokuqalisa koMkhukula, uNowa nentsapho yakhe baphuma emkhombeni sele ucociwe umhlaba. Kodwa yona ‘imbewu’ yayingekabikho.

Lithatyathwe kwiGenesis isahluko 1-11; Yude 6, 14, 15; ISityhilelo 12:9.