Yiya kwinkcazelo

Kutheni Ningayibhiyozeli Ipasika?

Kutheni Ningayibhiyozeli Ipasika?

Ubuxoki obudla ngokuthethwa

Ubuxoki: Isizathu sokuba amaNgqina kaYehova angayibhiyozeli iPasika kukuba akangomaKristu.

Inyaniso: Sikholelwa ekubeni uYesu Kristu ngumsindisi wethu, yaye senza konke okusemandleni ethu ukuze ‘silandele emanyathelweni akhe.’—1 Petros 2:21; Luka 2:11.

Ubuxoki: Anikholelwa ukuba uYesu wavuswa ekufeni.

Inyaniso: Siyakholelwa ukuba uYesu wavuswa; loo nto ngunobangela wokholo lwamaKristu yaye siyayibalaselisa xa sishumayela.—1 Korinte 15:3, 4, 12-15.

Ubuxoki: Aniyikhathaleli into yokuba abantwana benu bephoswa bubumnandi beiholide yePasika.

Inyaniso: Siyabathanda abantwana bethu—sizama ngamandla ethu onke ukubaqeqesha nokubanceda ukuba bonwabe.—Tito 2:4.

Kutheni amaNgqina kaYehova engayibhiyozeli iPasika?

  • Ukubhiyozela iPasika akusekelwanga eBhayibhileni.

  • UYesu wayalela ukuba kukhunjulwe ukufa kwakhe, hayi ukuvuka kwakhe. Esi Sikhumbuzo sisenza nyaka ngamnye ngosuku lokufa kwakhe njengoko luboniswa yikhalenda yeBhayibhile.—Luka 22:19, 20.

  • Sikholelwa ekubeni izithethe zePasika ezivela kwizithethe zamandulo zenzala, zibangela ukuba ingamkeleki kuThixo. UThixo ufuna “uzinikelo olupheleleyo,” yaye unqulo olwenza izinto angazifuniyo luyamcaphukisa.—Eksodus 20:5; 1 Kumkani. 18:21.

Sikholelwa ekubeni isigqibo sethu sokungayibhiyozeli iPasika sisekelwe ngokuqinileyo eBhayibhileni, ekhuthaza ukusetyenziswa ‘kobulumko bobuqili namandla okucinga’ kunokuba sisuke nje silandele izithethe zabantu. (IMizekeliso 3:21; Mateyu 15:3) Ngoxa sibaxelela abantu xa besibuza ngento esiyikholelwayo ngePasika, siyalihlonipha ilungelo abanalo lokuzigqibela ngento abafuna ukuyenza.—1 Petros 3:15.